UZethu Myeki unommnqweno wokuphuhlisa igalufa eMdantsane

UZethu Myeki ngumdlali weGalufa. Umfanekiso: Facebook

Inenekazi laseMpuma Koloni, uZethu Myeki, likuvuyele ukudlala kwinqanaba loompondozihlanjiwe kutshanje. Emva kweminyaka emibini kwinqanaba eliphezulu, uMyeki waseMonti ukwindawo yamashumi amabini anesihlanu kwiSunshine Ladies Tour. Kutshanje kulo nyaka mtsha, ebengomnye wabadlali abanikwe ithuba lokuzibonakalisa kwituemnte ebuququzelwe ngu-Investec. Wona umdlalo wegalufa awukakhuli ngendlela encumisayo kwiindawo zabantu abamnya – kodwa uMyeki ngomnye wegcuntswana labantu abamnyama abawudlalayo ngakumbi kwicala lamanenekazi. Waqala ukudlala igalufa eneshumi elinesithathu phantsi kweSouth African Golf Development Board, eMdantsane – apho wazalelwa khona.

“Emva kokuba Investec imqukile kuluhlu lwabadlali abaza kuthatha inxaxheba kwitumente yayo, uMyeki uthe: “Ndonwabe kakhulu yinto eyenziwe ngu-Investec kwaye ndinethemba lezinto ezibhetele kulo nyaka ka-2022.” Ukusukela ngonyaka aqale ngawo ukudlala igalufa uMyeki ukuza kulo nyaka, umahluko owenzekileyo emdlalweni wakhe mkhulu kakhulu. “Inkqubela yabonakala emdlalweni wam ngo-2015 ndisephantsi koqeqesho lwe-Ernie Els & Fancourt Foundation eyalola isakhono sam sokudlala. Kulapho ndafunda khona le nto kuthiwa kukomelela ngokwasengqondweni. Yandinceda lo nto ngoba ndatsho ndakwazi ukudlala nokuba kukweyiphi na itumente endifuna ukudlala kuyo. Ngo-2015 ndandikunombolo 42 eMzantsi Afrika kodwa ndakwazi ukuyukela kwindawo yesithathu kwisithuba seenyanga ezilishumi elinanye,” utshilo uMyeki ebalisa ngokukhula kwigalufa.

Okuhle ngonyaka ophelileyo kukuba uphumelele ngendlela encumisayp kwiStandard Bank Pro. “Ukuswela imali yokuqhubela phambili nezinto ezithile kwigalufa zezinye zezinto endidibene nazo kunyaka ophelileyo. Kodwa nangona kunjalo, uThixo uyazenza izinto zakhe ngexesha elifanelekileyo. Ndifuna ukukhula kwigalufa ukuze ndikwazi ukutyala apho ndaqala khona. Ukuba ndandingafumananga inkxaso, ngendingekho kwindawo endikuyo namhlanje,” utshilo uMyeki ngolukhulu uvuyo.