Emva kwesizini entle kakhulu yeqakamba yalapha eMzantsi Afrika ubeke phantsi uRob Walter njengomqeqeshi we-Unlimited Titans.
Lo mqeqeshi ngoyena ubenempumelelo neli qela kwezi sizini zimbini zidlulileyo, kuba ukwazile ukuvuselela eli qela alibuyisele kwiimini zalo zodumo. Ukuhamba kwakhe kulandela emva kokuba efumene umsebenzi wokuqeqesha kwi-Otago eNew Zealand.
UWalter uzakuqala umsebenzi wakhe kwiNew Zealand ngomhla wokuqala kweyoMsintsi. Phantsi kwesandla sikaWalter, obengumncedisi mqeqeshi kwiProteas, iTitans iphumelele indebe yeMomentum yosuku olunye kwisizini ka2013/2014.
Iphindile yaphumelela le ndebe kwisizini ka2014/2015. Kwisizini ephelileyo uWalter nabafana bakhe baphumelele iindebe ezimbini, ukhuphiswano lweRAM SLAM T20 kunye noluhlu lwemidlalo yeSunfoil.
“URob ufike wafaka umoya omtsha kwiiTitans,” utshilo uJacques Faul ingqonyela ye-Unlimited Titans.
“Ulivuselele eli qela ngeendlela ezininzi. Loo nto ibibonakala kwindlela abaphucuke ngayo abadlali abaqhokrayo kwezi sizini zimbini zidlulileyo. Nakubadlali abagibiselayo ukhona umahluko nokukhula okubonakalayo.”
Abadlali abasuka kwizandlala zalo mqeqeshi nabadlala kwiProteas ngoku nguDean Elgar noFarhaan Behardien.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns