UZidane akaqinisekanga ngekamva lakhe

Ifumene impumelelo yayo yokuqala iReal Madrid phantsi kukaZinedine Zidane ngempelaveki. IMadrid iziintshatsheli ze-UEFA emva kokuba ibethe i-Atletico Madrid ngo’5-3 kumapenela eMilan.

Umdlalo uphele la maqela mabini ebambene ngo’1-1, kwaye kucaca ukuba akukho elifuna ukugoba uphondo. Omabini la maqela aseMadrid ebezimisele kulo mdlalo ububukelwe izigidi zabalandeli bebhola kwihlabathi.

UZidane unyuselwe kwisikhundla sokuphatha kweli qela liphambili eSpain emva kokuhamba kukaRafa Benitez ekuqaleni kwalo nyaka.

Le mpumelelo yeqela lakhe uZidane uyifanisa nempumelelo eyafunyanwa yiFrance ngo’1998 kwindebe yehlabathi. Ngunyaka lowo igama lakhe [uZidane] njengomdlali onefuthe kwihlabathi lathi laqala ukugqama ngawo ngenxa yegalelo lakhe elivakalayo.

Kodwa into embi ke ngoku kukuba akaqinisekanga nokuba uyakuba engumphathi na kweli qela xa kuqala isizini ezayo. “Ukufumana indebe yeChampions League yeyona ibalulekileyo emva kwendebe yehlabathi. Ndizingomba isifuba emva komsebenzi esiwenzileyo. Eyona nto indonwabisa kakhulu kukuba ndinexesha elide ndiyinxalenye yeli qela,” utshilo uZidane kwiintatheli.

Ebuzwa ngekamva lakhe uZidane uthe: “Iya- kucaca ethubeni leyo into. Okwangoku masibhiyoze.” Lo xholovane zange aphelelwe lithemba nangona izinto bezikhe azahamba kakuhle. “Ndingumntu onephupha ngamaxesha onke, kodwa ke kwangaxeshanye ndiyakuqonda ukubaluleka kokusebenza ngokubambisana.

Xa unabadlali abafana naba sinabo apha ayikho into ongenako ukuyenza,” utshilo uZidane. IReal Madrid ivale isizini ihleli kwindawo yesibini kwiLa Liga, ilandela iBarcelona ephikisana nayo kwibhola yaseSpain.