UZilatko Dalic uthi iBrazil lelona lwizwe eliyingozi kwiFifa World Cup

ULuka Modric exhawulana nomqeqeshi wakhe uZlatko Dalic emdlalweni weFIFA World Cup obuphakathi kweCroatia neJapan, eAl Janoub Stadium. Umfanekiso: EPA/Georgi Licovski

Namhlanje kuza kuqhawuka unobathana xa kudibana iBrazil neCroatia emdlalweni weFifa World Cup oza kube use-Education City Stadium ngentsimbi yethoba ebusuku namhlanje. Omabini la mazwe angene kwisigaba akuso ngoku (Top 8) emva kokudlala kakuhle emidlalweni egqithileyo. IBrazil ingcwabe iSouth Korea ngemvula yamagowuli amane kwelinye. Kanti yona iCroatia yaphumelela ngo’3-1 kumapenela ibetha iJapan emva kokuba umdlalo waphela ebambene ngegowuli elinye macala. Umqeqeshi weCroatia, uZlatko Dalic, uyichaze iBrazil njengeqela eloyikisayo emva kokuba ibhulele amasaka iSouth Korea eyothuse abantu abaninzi kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar kulo nyaka.

Ukuzothi ga ngoku, idlale kakuhle nayo iCroatia kwaye isenabo abadlali abanamava kakhulu naba bekhona eRussia – apho yabethwa khona yiFrance emdlalweni wokugqibela. “Lelona qela elinamandla iBrazil, leyo into kufuneka siyazi,” utshilo uDalic. Nangona amanye amazwe enabadlali abatsha – kodwa iCroatia isabambelele kumadoda amadala afana noLuka Modric, uDejan Lovren, Ivan Perisic noMarcelo Brozovic. “IBrazil lelona lizwe elinamandla ebholeni ekhatywayo futhi eliyingozi kakhulu kule tumente yehlabathi. Iyoyikisa xa ujonga abadlali bayo nesakhono sabo sokudlala ibhola ekhatywayo.

“Into efunekayo kuthi kukuba singene ebaleni sizithembile, sikhangele amathuba sonwabele ukudlala neBrazil,” utshilo uDalic. UTite uza kuzama ukubopha iqela lakhe elomeleleyo nangona kusekho ukungaqiniseki ngobukho bukaDanilo noAlex Sandro ngenxa yokonzakala. NguNeymar Jr oza kukhokela iBrazil njengesiqhelo. Yena noTite kunokwenzeka ukuba kokokugqibela bethatha inxaxheba kwitumente yehlabathi, yonke into abayenzayo bayenza ngokuzimisela ngenxa yeso sizathu. Omnye umntu odlalelwa yiBrazil ligqala lebhola ekhatywayo, uPele, olele ngandletyananye esibhedlele. Omnye umdlalo oza kutaka iintlantsi nomhlanje uphakathi kweNetherlands neArgentina ngentsimbi yethoba ebusuku.