Uzimisele ukunceda abadlali abakhulayo uTim Dlulane

Abadlali beSpringboks uCJ van der Linde, uTim Dlulane kunye no-Ashwin Willemse umfanekiso: Tertius Pickard \ Gallo Images

Owayesakuba ngumdlali weqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika, uTim Dlulane, uthi uzimisele ukunceda abadlali abasakhulayo.

Le ndedeba, eyinzalelwane yakwilali yaseMpeko cebukuhle kwidolophu yaseMthatha, ikholelwa ukuba amava wabo amele ukubanceda abadlali abakhulayo.

“Banenyhweba aba bafana basakhulayo ngoba besingenabo abantu bokusinceda thina. Ndizimisele ukunceda apho ndikwazi khona,” utshilo okaDlulane.

UDlulane, 37, nongomnye wabadlali ababanenyhweba yokudlalela elona qela linembali entle kwitumente yeSuper Rugby iBlue Bulls, uthi ubafundisa ukonga imali ngokuthenga izindlu abadlali beBorder Bulldogs.

“Ndifuna bafunde ukuyonga ngokuthenga izindlu imali yabo , ngoba alininzanga ixesha lomntu kumbhoxo wabahlawulelwayo. Ndifuna ukusebenzisa amava wam,” utshilo uDlulane.

Ixesha lakhe njengomdlali ohlawulwayo lenziwa lalifutshane kukonzakala kwakhe egxalabeni ngonyaka ka-2006 kwindebe yeCurrie xeshikweni iBlue Bulls iqubisene neLions.

UDlulane uthi imfundo imncede kakhulu ukuphelelwa kwakhe lixesha njengomdlali wombhoxo.

“Sibalulekile isikolo, funeka umntu aqiniseke ukuba uyafunda. Sandinceda nam kakhulu,” utshilo lo mfo wakwaDlulane, owafumana isidanga sezenzululwazi ePretoria University nezifundo zonxibelelwano kwiYunivesithi yase-Unisa.

UDlulane udlale imidlalo engamashumi amathathu anesihlanu kwiBlue Bulls.

Akuphelelanga apho ngoba uwadlalele amaqela afana neFalcons, iPumas waze wadlalela AmaBhoko-bhoko umdlalo omnye. Elona phupha lakhe ngoku kukubaneqela elilelakhe lombhoxo.

“Ndingusomashishini ngoku. Ndishishina ngezindlu, imihlaba, emva kokuthenga inxalenye yenkampani ebizwa ngokuba yiMission Holdings Group. Ndinqwenela ukuba neqela lam ngenye imini,” utshilo uDlulane.