Uzimisele ukwenza ezibukwayo uKeagan Dolly

Umdlali weBafana Bafana uKeagan Dolly umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

UKeagan Dolly uzityand’igila ngokwabangela anyanzelise ukuya eYurophu.

UDolly ngomnye wabadlali abaqaqambileyo eMzantsi Afrika odlalela iBafana Bafana neMontpellier HSC yaseFrance – aqale ukuyidlalela ekuqaleni kuka-2017.

Le ndedeba, 24, yathengwa ngemali eqikelelwa kwizigidi zeerandi emva kokunceda iMamelodi Sundowns egqugqise eMzantsi nakwizwekazi le-Afrika ngokubanzi.

Akukho mntu usithandabuzayo isiphiwo sokudlala sikaDolly – kodwa uninzi lwashiyeka luzibuza ukuba kutheni enyanzelisa ukuhamba kwiDowns. Emva kokusokola ekuqaleni, izinto ziye zamhambela kakuhle lo mdlali eYurophu.

“Ndathi mandityhale ngesifuba ngoba ndabona kufanelekile ukuya eYurophu ukuze ndibe ngumdlali ongcono. Kwakungemnandanga ukuhamba kwiSundowns – kodwa kwelinye icala ndabona ukuba ndingahlala, ndandingaqabuka sendiyekelele umxakatho emva kokufumana iindebe eziliqela kwiDowns. Ndandinayo nento ethi ukuba andihambanga ngela xesha – soze ndilifumane elinye ithuba lokuya phesheya,” utshilo uDolly kwincoko ayenze kwi-eNCA kutshanje.

Njengokuba uKeagaz (isiteketiso sakhe) eye kwiMontpellier isizini seyiphakathi, khange zimhambele lula izinto – kodwa ngoba ungumdlali ofunda ngokukhawuleza, ukwazile ukumelana neemeko zela lizwe.

“Iinyanga zokuqala bezinzima kakhulu eFrance – kodwa ndazixelela ukuba mandifunde ngokukhawuleza indlela abadlala ngayo nolwimi lwabo. Kwixeshana endilichithe eFrance ndizamile ukuzilungiselela. Xa ndibuyela khona kwisizini ezayo, ndifuna ukwenza ngcono kakhulu.

UDolly uyinxalenye yabadlali beqela lesizwe abenze imbali ngokubetha iNigeria ngo’2-0 okokuqala kumdlalo wokuhlakulela itumene ye-Afrika kutshanje. Akuphelelanga apho ngoba nguye owancedisa kwigowuli elafakwa nguPercy Tau. Lo mdlali ukonwabele ukusebenza noBaxter kwiqela lesizwe futhi uyayincoma indlela abaphethe ngayo. “Ngumqeqeshi olungileyo, umsebenzi uwenza lula futhi uthi masidlale ngendlela yethu. Ikamva leqela lesizwe liqaqambile phantsi kwakhe.”