UZinnbauer noHunt bashiyeke bekhalela amathuba emva komdlalo wayizolo

Luvuyo Memela of Orlando Pirates fouled by Thulani Hlatshwayo and Zitha Macheke of Bidvest Wits during the Absa Premiership 2019/20 match between Orlando Pirates and Bidvest Wits at the Ellis Park Stadium, Johannesburg on the 15 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuba
iBidvest Wits ne-Orlando Pirates zibambene ngeqanda emdlalweni wayizolo,
abaqeqeshi bashiyeke bekhalela amathuba angasetyenziswanga. Ekuqaleni kweveki,
iWits idlale ntanganye ngegowuli elinye macala neKaizer Chiefs. Kanti nayo
iPirates ayikwazanga ukubethwa iMamelodi Sundowns emdlalweni ebinamathuba kuwo.
Umqeqeshi weWits, uGavin Hunt, uthi iqela lakhe bekufanele liwuphumelele
umdlalo wayizolo emva kokufumana amathuba emdlalweni. “Unikwe njani uRicardo
Goss iwonga lomdlali oqaqambileyo? Iyandothusa mna lo nto. Bekufanele
siwuphumelele lula umdlalo wanamhlanje. Yah, uvale ibhola yanye uGoss – kodwa andiqondi
ikhona enye into ayenzileyo emdlalweni. Besinamathuba amaninzi emdlalweni ngoba
ubulawulwa sithi. Abadlali bethu bedlale umdlalo osemgangathweni ophezulu.
UCole Alexander ebeqaqambile kwakhona esiswini, yena uDeon Hotto bekufanele
ukuba ufake amagowuli amathathu ngokufanayo noHaashim Domingo,” utshilo uGavin
Hunt emva komdlalo izolo.

Emva
kwemidlalo emibini ukusukela oko kubuyelwe emabaleni, iPirates ayikaphumeleli
namnye – kodwa umqeqeshi wayo uthi ebeza kunxunguphala ukuba iqela lakhe
belingakwazi ukudala amathuba emidlalweni. “Umdlalo ububambene. Siwafumene
amathuba amaninzi emdlalweni – kodwa ke ngeke uphumelele xa ungawafaki
amagowuli. Ukugqwesa kuaRicardo Goss emdlalweni kuthethwa into enye. Besilifuna
igowuli emdlalweni nangona singalifumenanga. Sikwenze konke okusemandleni
wethu, aleza kodwa igowuli. Ukudala amathuba kubalulekile kum – kodwa akumnandanga
ukungawafumani onke amanqaku,” utshilo uJosef Zinnbauer emva komdlalo. Kweminye
imidlalo yayizolo: iKaizer Chiefs ibethe iPolokwane City
ngo’3-2; AmaZulu abambene ngeqanda neBaroka emdlalweni obuseLucas Moripe
Stadium. Yona iStellenbosch ibethe iGolden Arrows ngo’1-0 emdlalweni
obubanjelwe eTuks Stadium. Nangona amaqela eqale imidlalo ngezinga eliphantsi emva
kokuhlala phantsi ngenxa yeKhovithi-19, kodwa kukho ukuphucuka okubonakalayo
edlalwe ngale mpelaveki.