UZinnbauer uthembele ngeSundowns

Umqeqeshi weOrlando Pirates, uJosef Zinnbauer, ubeke ithemba lakhe kwiMamelodi Sundowns njengelona qela elinokuthi liphazamise iKaizer Chiefs ehleli phezulu kwiPSL.

Ezimnyama zisazikhotha amanxeba emva kokubethwa ngo’1-0 yiChiefs emdlalweni omkhulu obuseFNB Stadium. Ukubethwa kwayo iBucs kuyivimbe ithuba lokulwela indebe yeAbsa Premiership kwakhona.

Nangani kunjalo, uZinnbauer uxelele iintatheli okokuba isende indlela phambi kokusongwa kwesizini. Ngoku iPirates ihleli kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amashumi amathathu anethoba amanqaku.

Emva kweChiefs kulandela iSundowns esenemidlalo engekayidlali ngenxa yokuxakekiswa yimidlalo yeCAF Champions League ebethwe kuyo ngo’2-0 yiAl Ahly kwiveki ephelileyo.

“Asisuki endaweni ephezulu. Sasikade sikwindawo yeshumi elinanye kwaye sishiywa yiChiefs ngamanqaku angamashumi amabini ananye. Ayikapheli isizini kodwa asithethi ngendebe. Ndicinga ukuba iSundowns namanye amaqela asenalo ithuba lokuyifumana iChiefs,” utshilo uZinnbauer.