Uzithembe ngakumbi uKomphela

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, ubonakalise ukuzithemba okungamangalisa emva kokwamkela abadlali abatsha kwiveki ephelileyo.

Abantu bayazibuza inoba kutheni kunjalo emva kokuba iqela lakhe libuye nelize kwisizini ephelileyo.

Impendulo nantsi: uKomphela unikwa inkxaso epheleleyo yiChiefs, ukusukela kubadlali abafunayo ukuya kubaqeqeshi afuna ukusebenza nabo kule sizini izayo – kwenziwa lento ayifunayo.

Kwiveki ephelileyo, Amakhosi, abhengeze esidlangalaleni abadlali abasibhozo abazakuthi bathwaliswe uxanduva lokubuyisa isidima sawo kwisizini ezayo. Kuzo zonke ezo zigqibo zithathwe yiChiefs – ilizwi liphume kuye uKomphela.

“Bendiyinxalenye yabo bebekhangela abadlali, ndim obenika umkhombandlela. Kwisizini ephelileyo ndisebenzise abadlali endifike benethuba elide belapha – kodwa kule isizini, lukhona utshintsho,” utshilo uKomphela.

Nangona kukho iimbuso ezintsha lo mqeqeshi uthi umceli-mngeni neenjongo zeqela lakhe azitshintshanga. “Izinto ekufuneka ndizenzile kwisizini entsha ziyafana nangoku bendifika – kodwa ke ngoku kufuneka ndiqokelele abadlali babeyimbumba ngokukhawuleza. Kufuneka ndibahlanganise ngokukhawuleza ukuze sizokwazi ukufumana iziphumo ngokukhawuleza kwisizini ezayo,” utshilo uKomphela.

Kwisizini edlulileyo, lo mqeqeshi unyamezele uxinizelelo phantse yonke isizini – khange anikezele kodwa noxa bekulukhuni.

Ngoku abalandeli bazakulindela izinto ezingcono kune sizini ka-2015/16.

“Andikoyiki ukuphulukana nomsebenzi, soze uthi iFerrari ikunika eyona moto igqwesileyo uyale kuba usoyika ukungaphumeleli umdyarho xa kubalekiswa. Ibhola ekhatywayo ifuna abantu abanesibindi. Endaweni yokoyika, ndinethemba lokuphumelela kule nto ndiyenzayo,” utsho ngokuzithemba okukhulu uKomphela.

Phakathi kwabadlali abatsha eNaturena kukho uRamahlwe Mphahlele, Sibusiso Khumalo noKeagan Buchanan.

UKomphela uthi ukusebenza nabantu abatsha kumnika ithemba.

Amakhosi kulindeleke azivavanye kumdlalo weCarling Black Label ophakathi kwawo ne-Orlando Pirates ekupheleni kwale nyanga eFNB Stadium.