UZolani Tete ukhuthaze ngamazwi amnandi abasebenzi bakwaSassa

UZolani "Last Born" Tete, ephahlwe ngumanejala wakhe uMlandeli Tengimfene, uLoyiso Mtya, umphathiswa uPemmy Majodina notata wakhe, uthethe nabasebenzi bakwaSassa. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Abaphathi
be-arhente enkinkisha imali yabantu abadala nezibonelelo zabantwana
abangathathintweni, iSassa, imeme intshatsheli yehlabathi kwiWBO bantamweight,
uZolani Tete, ukuba ibe yinxalenye yentlanganiso ekusamkelwa umphathi
wakwaSassa kwiphondo lonke uMnu. Bandile Maqetuka. Kule ntlanganiso ebibanjelwe
eBuffalo Stadium, bekukwaqulunqwa [kuyo] amacebo amatsha okuphucula indlela
abantu abancedwa ngayo nguSassa.

UTete ebekhatshwe
ligqiza lakhe asebenza nalo eliquka uMnu. Mlandeli Tengimfene noLoyiso Mtya.
Njengomntu onefuthe entlalweni yabantu nophumeleleyo kwikhono lakhe lokudlala
amanqindi, abaphathi bakwaSassa babone kufanelekile ukuba ngoyena mntu onokuthi
akhuthaze abasebenzi abebezalise iholo laseBuffalo Stadium, eMonti, besuka
kwiindawo ngeendawo zeMpuma Koloni. Nangona uLast Born eyindoda ezimeleyo ngoku
– kodwa umahluko owenziwa yimali yesibonelelo uyawazi ngoba umama notata wakhe
bayaxhamla kwimali kaRhulumente.

Le arhente
inoxanduva olukhulu lokuhamba inkinkisha imali yabantu abadala nemali
yesibonelelo kwabo banelungelo lokufumana kuyo kwilizwe lonke. Njengokuba iSassa
nePosi zimaxhaphetshu zilungiselela ukusebenza kwendlela entsha ezakubhatala
imali yezibonelelo, kufuneka iqule yaligangatha phambi komhla wokuqala kwalo
nkqubo ekuqaleni kwalo nyaka.

UZolani Tete
ube nala mazwi awathethileyo namhlanje: “Ukufumana imali kaSassa kubeluncedo
kakhulu phaya ekhaya. Ngethuba utata eyeka ukuphangela kuye kwanzima kakhulu –
kodwa ke sangcedwa kukufumana kwakhe imali yesibonelelo. Bekuthi ke xa
sinezinto esizidingayo endlini kunyanzeleke silinde kude kuphele inyanga.
USassa udlale indima ekhayeni, ngakumbi kuthi bantwana abancinci. Kulo mali incinci
ebezigcinela yona utata, ebekwazi ukuthi thatha. Ndiyambulela kakhulu uSassa
ngoba nangoku umama notata basafumana imali yesibonelelo nangoku.

Abasebenzi
bakwaSassa benza umsebenzi obalulekileyo eluntwini futhi obaluleke kakhulu
kuRhulumente, uZolani ubabulele kakhulu abasebenzi watsho ebakhuthaza ngazwi
amnandi. “Mabasebenze ngokuzimisela. Siyawubulela kakhulu umsebenzi abawenzayo
kwaye ndithi kubo bangatyhafi.