UZolani Tete unephupha elitsha ebomini bakhe

Imbethimanqindi uZolani Last born TeteUmfanekiso BHEKI RADEBE

Intshatsheli yeWBO kwihlabathi, uZolani Tete, ithi iza kumbethela oogqirha nezicaka uJohn Riel Casimero wasePhilippines.

Ezi mbethimanqindi zimbini ziza kungquzulana emlweni obekelwe umhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yeNkanga kwisixeko saseNgilane ekuthiwa yiBirmingham.

UTete, obekhe wathatha ikhefu ngenxa yomonzakalo egxalabeni, uthi sele eqalile ukulungiselela umlo.

“Ndineeveki ezintathu ndilungiselela umlo ozayo. Indlela endiwulungiselela ngayo yohlukile kwindlela ebendisenza ngayo kumatyeli adlulileyo. Ndithe chatha kakhulu kulo mlo. Ndizimisele ukumbethela oogqirha nezicaka uCasimero,” utshilo uTete oyimbethimanqindi yaseMdantsane.

UTete, 31, uthi iphupha lakhe kukuphumelela zonke iintshinga zodidi lweNtambanani.

“Emva kokubetha uCasimero, ndifuna umlo wokudibanisa iintshinga. Ndifuna ukulwa nophumeleleyo phakathi kukaNonito Donaire noNaoya Inoue. Emva kwabo ndiza kuyokulwela intshinga yeWBC. Ndifuna ukwenza imbali yokuba yimbethimanqindi yokuqala exwaye zonke iintshinga zehlabathi eMzantsi Afrika. Ndakuziphumelela zonke iintshinga, ndiza kubeka phantsi emanqindini. Inokuba ndishiyekelwe yimilo emine okanye emihlanu emanqindini ndiyivale incwadi,” utshilo uTete.

Njengokuba uLast born elungiselela ukukhwela eqongeni, uyibulele intsebenziswano ayifumana kubaqeqeshi bakhe.

“Ndibulela iqela labaqeqeshi bam ngokuqinisekisa ukuba ndiya emlweni ndizilungiselele. Kuyasetyenzwa kakhulu ngoku,” utshilo uTete. Eli nxele laseMdantsane lithi abalandeli balo mabathobe izibilini.

“Kubalandeli bam, ndifuna ukuthi ndiyayibulela inkxaso yabo engagungqiyo. Ndiyazi uninzi lwabo lunexhala kuba bendikhe ndonzakala. Liphilile igxalaba lam ngoku. Uza kufika ndiwulungele umlo,” uqinisekise ngaloo mazwi uTete.

Iza kubalityeli lamashumi amathathu anesibini ekhwela eqongeni uTete. Uphumelele imilo engamashumi amabini anesibhozo. Iimbethimanqindi ezingamashumi amabini ananye uziwisile, wabethwa nje kwimilo emithathu.

Kwiimbethimanqindi ezingamashumi amabini anesibhozo alwe nazo uCasimero, ezilishumi elinesithoba zange ziwubone umjikelo wokugqibela. Yena uphulukene nemilo emine.