UZolani Tete usinde cebeshu engozini yemoto eyehle eMdantsane

Imbethimanqindi eyaziwayo, uZolani Tete, usinde cebeshu engozini yemoto emasikizi. Iingxelo zithi imoto kaTete eluhlobo lweMercedes Benz ingqubene nenye okweenkunzi zegusha eHighway, eMdantsane. Phakathi emotweni kaTete bekukho abantu abathathu. Ubalekiselwe kwisibhedlele saseCecilia Makhiwane – uye wakhululwa. Akukho kubhubha kwamntu okubikiweyo okwangoku emva kwengozi. Ngokwengxelo, zombini iimoto zonakele kakubi. Umqhubi wenye imoto kuthiwa ubalekile kwaye amapolisa asamkhangela. Emva kokwenza imbali emlweni awawisa kuwo kungaphelanga nomzuzu eYurophu, uTete wanikwa iMercedes Benz C34 AMG yinkampani yemoto – uBenz.