UZolani Tete uthi uyilungele iWorld Super Series

Zolani Tete

Intshatsheli yehlabathi, uZolani “Last Born” Tete, ibila isoma kwaye itsha zintambo eMotion Fitness, eMdantsane – apho ilungiselela umlo obalulekileyo weWorld Boxing Super Series aza kuqubisana kuwo noMikhail Aloyan kwinyanga yeDwarha ngomhla weshumi elinesithathu kwilizwe laseRussia.

UTete, 30, oyintshatsheli yeWBO bantamweight, uphakathi kweentshatsheli ezisibhozo eziza kube ziyinxalenye yeyona tumente enkulu kakhulu kwihlabathi.

Kwiveki ephelileyo, le ndedeba yaseMdantsane ithiwe jize ngemoto yakwaMercedes Benz eyiC-Class (C43 AMG) athi iza kumkhuthaza kakhulu phambi kokulwa noAloyan ongenambali eyothusayo kudidi lwamanqindi oluphezulu.

“Imoto endiyinikwe nguMercedes Benz iza kuwufunqula umoya wam. Ndinethuba ndizilungiselela – kodwa ukuya ngemoto ekudidi oluphezulu njengale kwindawo yam, yeyona nto endijonge kuyo kakhulu,” utshilo uTete emva kokufumana imoto entsha eMonti kwiveki ephelileyo.

“Sineeveki ezintlanu silungiselela umlo wam ozayo. Siseneeveki ezintandathu zamalungiselelo. Ndingatsho ukuba siwulungele ngokupheleleyo umlo. Ngomhla womlo, ndiza kumngqengqisa uAloyan,” utshilo uTete.

UMlandeli Tengimfene, umphathi oququzelela zonke izinto zikaTete, usivuyele kakhulu isipho asifumene kwaBenz imbethimanqindi yakhe.

Uxelele iintatheli ukuba amalungiselelo ahamba kakuhle kwaye baqeshe umntu onolwazi olupheleleyo ngeembethimanqindi zaseRussia – into acinga ukuba iyakwenza lula amalungiselelo wabo. “Senza izinto ngokwahlukileyo kweli tyeli nangona imbethimanqindi esiza kujamelana nayo inemilo emine kuphela .

Ukuhlonyelwa kuka-Andile Mofu kwiqela labaqeqeshi bakaTete kuza kunceda kakhulu ngoba uyindoda enolwazi oluphangaleleyo ngeembethimanqindi zaseYurophu – ingakumbi eziphuma kwilizwe laseRussia.

Imbethimanqindi eza kulwa noTete ayinambali etyebileyo noxa iyintshatsheli – kodwa akazimiselanga ukuyidelela xa edibana nayo ngomhla womlo.