UZono ufuna indawo yakhe kwiSouthern Kings

Umdlali weSouthern Kings, * -Oliver Zono, uthi uzimisele kakhulu ukulwela indawo yakhe kwiqela lakhe umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

INDODANA esakhulayo edlala umbhoxo, uOliver Zono, ithi ikulungele ngokupheleleyo ukubuyela ebaleni nokulwela indawo yayo kwiKings emva kokuchwethelwa ecaleni ixesha elide ngenxa yokonzakala.

OkaZono wagqibela ukudlalela iqela laseBhayi elidlala kwiPro 14 ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMqungu ngo2018.

UZono ukungxamele kakhulu ukubuyela ebaleni.

“Ndikungxamele ukubuyela ebaleni. Kodwa ndiyazi ukuba kufuneka ndiyilwele indawo yam ngokuba bonke abadlali abadlalileyo ngethuba ndonzakele benze umsebenzi omhle,” utshilo uZono.

Nakuwuphi umdlali, ukonzakala yeyona nto inzima nethi iyiqhoboshe inkqubela yomdlali ngamnye. Ukuhlala ngaphandle libe iqela lingaqhubi kakuhle zezinye zezinto uZono ekuye kwanyanzeleka ukuba azinyamezele.

“Bekungemnandanga ukuhlala ngaphandle kokudlala, ingakumbi xa iqela lingaqhubi kakuhle,” utshilo.

Ngokuhlwa ngoLwesihlanu, iSouthern Kings ziza kuxikixana neqela laseIreland ekuthiwa yiMunster. Kanti kwiSuper Rugby, iCell C Sharks iza kudibana neSunwolves yaseJapan ngentsimbi yokuqala.

Yona iVodacom Bulls iza kwamkela iDHL Stomers emdlalweni oza kube useLoftus Versfeld Stadium ngentsimbi yesithathu.

Iqela eliphambili, iEmirates Lions iza kujijisana neJaguares emdlalweni oza kube useArgentina ngecala emva kwentsimbi yeshumi elinanye. Yonke imidlalo iza kube ingoMgqibelo.

Umqeqeshi weStomers, uRobbie Fleck, uxelele oonondaba okokuba ukuphumelela imidlalo yeyona nto ezakuthi ilincede iqela lakhe kwilinge lokuphumelela iSuper Rugby.

“YiSuper Rugby kuphela esingazange sayiphumelela. Umnqweno wethu kukuyiphumelela. Sinabo abadlali abanesakhono namandla okulwa into ebonakalayo kulo unyaka. Ndicinga ukuba singayiphumelela iSuper Rugby ukuba singakwazi ukuyiphumelela imidlalo esiyidlalela ekhaya naleyo yangaphandle. Kwiisizini ezidlulileyo, sikwazile ukuphumelela imidlalo ekhaya kakhulu,” utshilo uFleck.