UZuko Hlongwane uthi ukuphumelela kwabo sisiqalo sezinto ezinkulu ezizayo!

iSilver Bullets ibhiyoza emva kokuphumelela indebe. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Emva kwemidlalo edlalwe kwinyanga yolutsha, iCitizen FC izenzele igama ngokuthatha indebe okokuqala. Eli qela laseChizela libethe iSilver Bullets kumapenela emva kokubambana ngo’2-2 emdlalweni obubanjelwe kwibala lelali yaseXeni, eDutywa – apho ulutsha lukhethe ukukhumbula isiganeko sika’76 ngokubamba imidlalo kutshanje. Nangona itumente isazama ukuqingqa – kodwa umgangatho ubuphezulu kakhulu. Ibhola edlalwe yiCitizen neSilver Bullets iyancomeka kwaye ishiye iinkumbulo ezingenakuphuma ezingqondweni zabalandeli bebhola ekhatywayo.

Ibonwabisile lo nto abaququzeleli betumente ngoba bazama ukwakha into eza kuguqula ubomi babantwana abanomdla kwezemidlalo. Kodwa ulonwabo lwabo alugqithanda kumqeqeshi weCitizen FC, uMzamo Bhokolo, othe bazama ukwakha iqela eliza kugqugqisa kuyo zonke iindawo zaseDutywa. “Bekumnandi kakhulu kuthi. Ubumnandi umdlalo wokugqibela – kodwa ubunzima. Bekucaca ukuba kumdlalo wamagqibelakankqoyi,” utshilo uBhokolo kweli phephandaba.

Nangona iCitizen igoduke itshatshele – kodwa iphantse yahluthwa inqathe emlonyeni yiSilver Bullets ebisilwela ukugoduka nendebe. “Indlela elidlale ngayo iqela lethu indonwabise kakhulu. Nangona sabethwayo nje emdlalweni wokuqala – kodwa amakwenkwe wethu abuya ngamandla kolandelayo. Abadlali basibonisa ukuba bothukile – kodwa kwangaxeshanye, asibonisa ukuba aya kulangazelela ukuyiphumelela indebe. Siphumelele namhanje ngenxa yokuzimisela. Xa ufuna into, wenza umsebenzi ngokuzimisela. Emva kobethwa, sathethethana futhi sazixelela ukuba siza kuphumelela,” utshilo uBhokolo.

Ngokokutsho kukaKapteni weCitizen FC, uZuko Hlongwane, ukuphumelela kweqela lakhe sisiqalo sezinto elifuna ukuzenza. “Ndoneliseke yindlela esisebenzisene ngayo nabadlali. Ebaleni silwile kakhulu ngoba umdlalo ubunzima. Ukuphumelela indebe namhlanje kuyasivuyisa ngoba siliqela elitsha ebelingenazo nezikipha ezi zokudlala. Yinqubela encomekayo le esiyinzileyo ngoba kweyokuqala itumente khange siphumelele. Sizimisele ukuqhubela phambili nokwakha iqela elomeleleyo,” utshilo uHlongwane.