UZuma uyivele ngemva iChippa United ebisilwa ngamandla eNelson Mandela Bay Stadium

Gregory Damons of Chippa United and Dumisani Zuma of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 match between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth South Africa on 6 Nov 2019 /BackpagePix

Amagowuli
amabini afakwe nguDumisani Zuma uyibhoboze ngemva isilwa iChippa United ebethwe
yiKaizer Chiefs ngo’2-0 emdlalweni obutaka iintlantsi eNelson Mandela Bay
Stadium kobu busuku banamhlanje. UNorman Mapeza uqale ngabadlali abadlalise
ngethuba iqela lakhe lidlala neMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo. Yena
uErnst Middendorp wenze iinguqu eziliqela. UBruce Bvuma ungene endaweni
kaDaniel Akpeyi, uLazarous Kambole, uPhilani Zulu, uSiyabonga Ngezane noKgotso
Moleko ngabanye babadlali abaqale umdlalo namhlanje. Umdlalo uvuthe zisuka,
iChippa United yeyona ibidlala umdlalo ophucukileyo. Ibisiya phambili
isebenzisa isantya, idale amathuba – kodwa into engavumanga kukungena kwebhola
emnatheni. Ukuba iibhola ebezikhatywe nguSilias Maziya noBoikanyo Komane
bezingene – iChippa United ngeyiphumelele namhlanje ngoba umdlalo ibingowayo
kwisigaba sokuqala. Ukonzakala kwabadlali ababini ngaxeshanye kuye kwayixikixa
iChippa kakhulu.

Kuyiwe kwixesha
lokuphuma kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo weChiefs uye
waphucuka ngokuya kuhamba ixesha. Isigaba sesibini siye sohluka mpela nangona
uNgezane noDaniel Cardoso bebephantsi koxinizelelo emva. UWillards Katsande
noGeorge Maluleka bawuthathele kubo umdlalo esiswini kwatsho kwavela igowuli
elifakwe nguZuma – oshiye amadoda ezizigede emva kwakhe. UMapeza uye
wanyanzeleka enze utshintsho emva kokonzakala kukaFrederic Nsabiyumva noKomane.
UGregory Damos noKurt Lentjies bafike bawuqinisa umdlalo weChippa – kodwa igowuli
lesibini elifakwe nguZuma liwabulele onke amathemba okuphumelela umdlalo. Amakhosi
abethwa ngumoya phezulu kwiPSL emva kokuqokelela amashumi amabini anesihlanu
emidlalweni elishumi. Ukudlala ntanganye kweSundowns neBaroka FC ngeqanda macala
kuthetha ukuthi kuvuleke umsantsa phezulu. Amakhosi aza kudibana ne-Orlando
Pirates, engakwazanga ukubetha iMaritzburg United izolo, ekhuthazekile kakhulu.

 

Chippa: Tignyemb, Modisane, Nsabiyumva,
K. Moyo, E. Moyo, Maphangule, Mahola, Komane, Maziya, Kwem, Twala.

Amalalela: Mazibuko, L. Manzini,
R, Manzini, Mthethwa, Lentjies, Damons, Rakhale.

Chiefs: Bvuma, Moleko, Ntiya-Ntiya, Ngezana,
Zulu, Cardoso, Katsande, Zuma, Parker, Kambole, Nurkovic.

Amalalela: Akpeyi, Castro, Gordinho,
Maluleka, Mphahlele, Mahlasela, Blom.