UZungu udiza imfihlo ngekamva lakhe

Umdlali otshisa bhe okomlilo wamalahle omgodi kwezi ntsuku, uBongani Zungu, ofunwa ngamaqela amaninzi phesheya kolwandle kubonakala ngathi angathathwa liqela lasePortugal, iVitoria de Guimaraes phambi kokuphela kwale nyanga.

Lo mdlali siswini weBafana Bafana uselungelweni lokuthetha-thethana namaqela anomdla kuye kuba ushiyekelwe ziinyanga ezintandathu kwisivumelwano sakhe sengqesho neMamelodi Sundowns, kwaye angahamba simahla ukuphela kwesizini ukuba akathengiswa ngoku.

Ukusukela ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo, * -”Ben10”, ubhengeze ukuba akazimiselanga kuhlala kwiSundowns ngoba unomnqweno wokudlala ibhola phesheya kolwandle.

Umqeqeshi wakhe, uPitso Mosimane, uzamile ukumcenga ukuba ahlale omnye unyaka kwiPSL, kodwa iinzame zakhe ziwe phantsi.

Apha eMzantsi Afrika bekuvakele iingxelo ezithi, iKaizer Chiefs iyamfuna, kangangokuba, izimisele ukuyibhokoxa ingxowa yayo yemali ukuze ifumane lo mdlali.

UZungu uthethe wenjenje xa ebebuzwa ngekamva lakhe kutsha nje: “Andifuni ke ukuthetha ngekamva lam ngoba ingqondo yam ndiyimilisele kwiSundowns. Okwangoku ngisengumdlali weDowns, kodwa ikhona into umphathi wam ayizamayo phambi kokuvalwa kwale nyoba yokuthengwa kwabadlali,” utshilo uZungu.

Njengokuba amaqela adlala kwiPremier Soccer League emaxhaphetshu etyikitya abadlali phambi kokuvalwa ekupheleni kwale nyanga, abathandi bebhola ekhatywayo abaninzi banomdla wokwazi ukuba lo mdlali ongomnye wabadlali abaziqaqmbisileyo ukusukela kwezi sizini zimbalwa zidlulielyo, uza kuphelela phi na. Okwangoku uselilungu elithembekileyo kwiqela likaPitso aqine ngalo.

Emva kokudlala ntanganye neChiefs kwiveki ephelileyo, iDowns, ihleli kwindawo yesibini, ilandela iBidvest Wits.