Zimbini izinto ezisemqoka ezibalulwe nguSihlalo, uMnu. Sandile Zungu, azifuna zenzekile xa kusongwa isizini eza kuvulelwa ekuqaleni kwenyanga ezayo. OkaZungu okuthe pahaa okulindeleke eqeleni lakhe ngethuba ethetha namajelo eendaba ekuqaleni kwale veki eMoses Mabhida Stadium, eThekwini.
Izinto khange ziwahambele kakuhle AmaZulu kwisizini yokuqala kaPablo Franco owaphiwa igama lesiZulu elithi Cijimpi. UZungu ngomnye wabanikazi bamaqela eMzantsi Afrika abanganyamezeli ixesha elide xa iqela lingavelisi iziphumo ezincumisayo – kodwa unyamezele kwisizini egqithileyo.
Emva kokuba AmaZulu evale isizini ekwindawo yeshumi elinanye, ngoku kulindelwe lukhulu kuCijimpi kwisizini yakhe yesibini ebholeni yaseMzantsi Afrika. UZungu uthe ufuna AmaZulu avale isizini ephakathi kwamaqela amane phezulu xa kuvalwa isizini yeDStv Premiership ka2024/25.
Nokubuyela kweqela kwiCAF Champions League yenye yezinto ezikhankanyiweyo nguSihlalo. Noxa iyinto engenzeki lula leyo – kodwa AmaZulu ayayazi. Ayifumana esephantsi kukaBenni McCarthy, emva koko AmaZulu khange aphinde aqhube kakuhle. Yena uMcCarthy waye wathathwa yiManchester United yaseNgilane emva kokugxothwa kwakhe.
“Umqeqeshi ulifumene ixesha eloneleyo. Kwisizini yakhe yokuqala, ebenako ukuqokelela amanqaku aqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu – kodwa akwenzeka njalo. Uza kuya kwisizini yesibini eyazi kakuhle indlela ekuqhutywa ngayo kwiPSL. Ndicinga ukuba imeko yokusebenza iphucukile kakhulu.
“Andingeke ndithi yinto engeke yenzeke ukufumana indawo kwiTop 4 nangaphezulu,” utshilo uZungu. Okuza kwenzeka kuza kubonakala xa AmaZulu athatha inxaxheba kwiPremier’s Cup edlalwa ngamaqela aphambili ebholeni ekhatywayo kwiphondo laKwaZulu-Natal kule veki.
“Kwisizini ezine ezigqithileyo, sakhe sayifumana indawo yesibini kwiPSL. Sicinga ukuba sineqela elingaphinda liyenze lo nto,” utshilo uZungu. Baliqela abadlali elibakhululeyo Usuthu – kodwa abakabhengezwa abatsha ekulindeleke balincede kwisizini entsha.
“Bane abadlali esibafumeneyo, baza kuvavanywa ngoogqirha phambi kokuba sibabhengeze. Ndafunda ukuba kuyingozi ukuvuya kwangoko. Kufuneka ulinde ixesha elifanelekileyo phambi kokubhengeza abadlali abatsha. Nam ndibangxamele – kodwa phaya ekupheleni kwenyanga niza kubazi,” utshilo uZungu.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile