UZungu ungxamele ePortugal

Umdlali wasesiswini kwiMamelodi Sundowns, uBongani Zungu, uthi ukuya kudlala ePortugal izakuba linyathelo elihle njengokuba efuna ukuzakhela ikamva lakhe kwibhola ekhatywayo phesheya kolwandle.

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithathu, ebesele engqinile ngaphambili ukuba uzakuyishiya iMamelodi Sundowns xa kuphelelwa isivumelwano sakhe sokusebenza ekupheleni kwale sizini. IVictoria Gumarez liqela elisele kuvakele ukuba uzakuzibandakanya nalo uZungu.

Eli tyendyana belivumile nokuba iSundowns izamile ukulinqanda ukuba lingahambi, kodwa ufuna ukuqhubekeka nebhola ekhatywayo phesheya kolwandle.

“Ngamatyeli amaninzi apho iSundowns ibizama ukuba mandihlale, kwaye khange ndivume. ISundowns iyayazi ukuba elona phupha lam kukuya kudlala kumazwe aseYurophu,” utshilo uZungu.

UBen 10, nanjengoko esaziwa uZungu ngabalandeli bebhola ekhatywayo,udlale indima ebonakalayo kwimpumelelo yeli qela kule sizini. Ingakumbi esanzulwini sebala.

“Ndibona kwaba badlali beqela lesizwe badlala eYurophu ukuba banazo iimpawu eziliqela endizi dingayo nje ngomdlali, ingakumbi ukwakheka kunye nendlela endidlala ngayo nje ngomdlali.

“Ndifuna kakhulu ukudlala eNgilane, eSpain kunye naseJamani, kodwa ndingathanda ukuqala ePortugal ukulungiselela ukufumana amava. Ndiyibukela kakhulu imidlalo yamaqela asePortugal kwaye maninzi amaqela adlala kwiChampions League, ingaba sisiqalo esihle kum,” uvale ngokutsho uZungu.