UZungu uvumelana noMalema ngeyabalandeli bebhola emabaleni

UManzini Zungu ngumphathi oyintloko waMaZulu. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Kungekudala, uMzantsi Afrika uza kufinca iminyaka emibini ukusukela mhla wasungula iphulo lokulwa intsholongwane eswantsulisa ihlabathi ekuthiwa yiKhorona. Abantu neizwe zehlabathi zilahlakelwe ngabantu abaninzi abaginywe yiKhorona. Izinto azisafani ngoku ngoba kukho amachiza akwaziyo ukuyithoba amandla iKhorona. Lo nto incede abezoshishino batsho bakwazi ukuvula kwakhona. Nangona amashishini esebenza ngendlela yawo yesiqhelo, abalandeli bemidlalo eMzantsi Afrika abakavunyelwa emabaleni nangona sekukho inani elivisayo labantu abagonyiweyo. Amazwe aseYurophu ababuyisele kwa kunyaka ophelileyo abantu emidlalweni. Kodwa apha eMzantsi Afrika akukacaci nokuba iya kwenzeka nini na lo nto.

Kutheni abantu abagonyiweyo bengavunyelwa babukele imidlalo ebaleni? Usihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza, uthe urhulumente wathi bangafaka amawaka amabini kuphela ebaleni. UKhoza uthe amawaka amabini linani elincinci kwaye lizindleko emaqeleni xa efaka abalandeli emabaleni ngoba kwa kufuneka kuchithwe imali ukuze kuqinisekiswe ukuba imithetho iyathotyelwa. Nangona abemidlalo bengavunyelwa bangungelane ndawonye, abepolitiki bayadibana futhi babengaphaya komlinganiselo. Inkokeli ye-EFF, uJulius Malema, umemelele ukuvunyelwa kwabalandeli babukele ibhola ekhatywayo emabaleni. UMalema ebethetha kwindibano ye-EFF ebibanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

“Ramaphosa, sifuna uvule amabala abantu babukele ibhola eMoses Mabhida Stadium. Iinkokeli zePSL mazohlukane nobugwala, mazithethe norhulumente. Kutheni zithule nje kodwa imibutho yepolitiki izalisa amabala ngabantu? Sifuna ibhola ibuyele ebantwini nalo lonke icandelo lolonwabo,” utshilo uMalema. Umphathi waMaZulu, uMnu. Manzini Zungu, uyibulele into ethethwe nguMalema watsho ethembisa ngelithi baza kulwa. “Siza kuzama ukuthetha nePSL ukuze kuvulelwe abantu babukele ngoba ngabona banikazi bebhola,” utshilo uZungu kuTwitter. Ngokungangeni kwabalandeli emabaleni, amaqela adlala kwiDStv Premiership alahlekelwa zizigidi zernadi azifumana ematikitini.