UZwane ufuna iChiefs edlala ibhola enomtsalane

Umqeqeshi weKaizer Chiefs obambeleyo ngu-Arthur Zwane. Umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Ngubani oza kusithatha esona sihlalo esitshisayo sokuqeqesha eMzantsi Afrika? Lo ngumbuzo abalandeli bebhola abazibuza wona, ngakumbi abeKaizer Chiefs. Kwiveki ephelileyo, abaphathi beChiefs banike uStuart Baxter uphumaphele emva kokubethwa kweqela labo yiSuperSport United etsala nzima ngo’1-0. Amagama wamadoda afana noBenni McCarthy, uCavin Johnson no-Arthur Zwane ngawo ajikelezayo kumajelo eendaba. Nangona ukuqeqesha iChiefs ingumthwalo onzima kakhulu ngenxa yobukhulu bayo nokutyeba kwembali yayo – kodwa kuliphupha labaqeqeshi abaninzi ukuyiqeqesha. Emva kokugxothwa kukaBaxter – ozenzele ityheneba kubalandeli ngokungabadlalisi abadlali abancinane nangeziphumo ezingonelisiyo – Amakhosi anike uZwane uxanduva lokukhokela.

Uncediswa nguDillon Sheppard akhe wasebenza naye kunyaka ophelileyo emva kokugxothwa kukaGavin Hunt. Bakhona abantu abathi uZwane makanikwe ithuba lokuqeqesha iChiefs emva kokuyiqhuba kakuhle kwiCAF Champions League kunyaka ophelileyo. Nangona abalandeli beChiefs bevuyele ukubuyela ebaleni nokuhamba kukaBaxter kwiveki ephelileyo – kodwa baphoxwe kukubethwa kweqela labo yiStellenbosch FC elwela ukuhlala kwiTop 8. UZwane, onethuba lokusifumana isihlalo ukuba uqhuba kakuhle emidlalweni eshiyekileyo, uthe iChiefs kufuneka uguqule indlela edlala ngayo.

“Sizama ukubabonisa abadlali bethu iindawo ekufuneka baziphucule nangona ixesha singenalo kakuhle. Asifuni iChiefs idlale kuba kufuneka idlalile. Kufuneka idlale umdlalo onomtsalane. Makubekho indlela yayo yokudlala nephumelela ngayo imidlalo,” utshilo uZwane onike abanye babadlali ithuba lokuqala umdlalo emva kokuhamba kukaBaxter obebavimba. “Indlela edlala ngayo iChiefs endala kufuneka ifane neyamaqela amancinci. Yinto leyo eza kulungisa kwaye yinto engazukwenzeka ngokukhawuleza,” utshilo uZwane. Amakhosi kunyanzelekile ayiphumelele yonke imidlalo ehiyekileyo ukuze afumane indawo yeibini eya kuwanika ithuba lokuphindela kwiCAF Champions League.