UZwane ufuna kukhethwe umdlungu emboneni wokwenyani kwiKaizer Chiefs

UBernard Parker, uHappy Mashiane noKhama Billiat ngabadlali beKaizer Chiefs. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uArthur Zwane, ukhwele ezehlela ebadlalini bakhe emva kokungawuphumeleli umdlalo wokugqibela kweDStv Premiership. Amakhosi abambene ngamagowuli amabini neSwallows FC emdlalweni obutaka iintlantsi eFNB Stadium kwiveki ephelileyo. Iqela likaZwane liyeke iSwallows yabuya ngasemva sele lihamba phambili. Ngokungaphumeleli umdlalo ebaleni layo, iChiefs iphoswe lithuba lokunyukela kwindawo yesibini ebiza kuyinika itikiti lokuya emidlalweni yeCAF Champions League. Phofu iChiefs ilahle amanqaku emidlalweni yayo ebisesandleni phambi kokuya emdlalweni wokugqibela ebidibene kuwo neSwallows ebisilwela ukusinda ezembeni.

UZwane uvakalise ukuphoxeka kwakhe yindlela abadlali bakhe abaqubisene ngayo neSwallows ebibacincezele emdlalweni kwimpelaveki egqithileyo. “Wonke umntu uyayibona ngoku into eyenzekayo. Ndingathetha izinto abangeke bazithande – kodwa andizami ukuba rhabaxa ebadlalini. Inyaniso yona kukuba iChiefs ayinabo abadlali ebafaneleyo,” utshilo uZwane. Yiminyaka ezixhenxe ngoku egcweleyo iChiefs ingasayifumani indebe. Ukusukela ngo-2015, iChiefs iqeqeshwe ngabaqeqeshi abangaphaya kwesine – kodwa bonke abakwazanga ukuza neendebe – eyona nto Amakhosi adume ngayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

“Sinabo abadlali abonokusidlalela ebaleni – kodwa ingaba bakufanele ukudlalela iChiefs? Asikwazi ukwenza iimpazamo ezifanayo emidlalweni. Ibetha abaqeqeshi into eyenziwa ngabadlali ngokungathi abalungiselelwa kakuhle phambi kokuya ebaleni. Jonga amagowuli afakwe kuthi, sibe thina singakwazi nokudala amathuba. Ibingathi asikufuni ukudlala emva kokuba sifumane igowuli lethu lokuqala. Andazi kutheni ngoba beineveki yonke yokuzilungiselela. Siza kuqwalasela izinto ngenye indlela ukuze ibone ukuba ngubani omakahlale. Sibacenge kakhulu abadlali, kufuneka itshintshe lo nto,” utshilo uZwane ofuna kukhethwe umdlungu kwiChiefs ukuze ibuyise isidima sayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.