UZwane ulindele iAl Ahly ekelemileyo

UThemba Zwane kulindeleke abe ngomnye wabadlali ekulindeleke bancede iMamelodi Sundowns xa idlala neAl Ahly emdlalweni weCaf Champions ngoMgqibelo umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Umdlalo weCaf Champions League obuphakathi kweMamelodi Sundowns neAl Ahly ngomnye wemidlalo oyakusoloko usematheni futhi oyakuhlala ulilitha ezingqondweni zabadlali beAl Ahly.

Iintshatsheli zeChampions League amatyeli asibhozo zigoduke iintliziyo zityumkile emva kokubhulelwa amasaka yiSundowns ngo’5-0 emdlalweni ubeseLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo.

Ibe yinto enkulu kakhulu leyo kwiDowns efuna indebe yeCaf Champions League yesibini kodwa ukubethwa kweAl Ahly yinto embi kakhulu ebantwini baseYiphutha.

Ukuphumelela kweSundowns kuthetha ukuthi inethuba elihle lokuya kumjikelo ophambi komdlalo wokugqibela weChampions League.

Ukuba ubani ujonga indlela edlale ngayo iAl Ahly kwiveki ephelileyo, angagqiba athi ngeke ikwazi ukufaka amagowuli amathandathu.

Nakubeni kunjalo, iSundowns ayizimiselanga kwenza impazamo ngoba eyona nto ebalulekileyo ngoku kukuqinisekisa okokuba ikhusela ekuzuzileyo emdlalweni oseBorg El Arab Stadium ngo’18:00 ngoMgqibelo.

UThemba Zwane, ofake igowuli leDowns lokuqala eLucas Moripe Stadium, uthe umdlalo oseYiphutha ngeke ube lula ngoba iAl Ahly nabalandeli bayo baza kwenza zonke izinto ezingacacanga ukuze iingqondo zabo ziphazamiseke phambi komdlalo.

“Umdlalo wesibini ufuna iingqondo ezizinzileyo ngoba iAl Ahly iza kukelema kakhulu kowayo. Akukho mntu obe kulindele esikwenze eLucas Moripe sidlala neqela elikhulu eAfrika. Ndicinga ukuba kufuneka silumke emdlalweni olandelayo. Akufuneki sivuye kakhulu ngoba ingasiphazamisa lo nto,” utshilo uZwane phambi kokundulukela eCairo ekuqaleni kwale veki.

Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, uthe sobe avume abadlali bakhe babhanxwe kokwenzeke kwiveki ephelileyo ngoba izinto ziza kutshintsha eCairo.

“Akekho umntu obekulindele okwenzekileyo kodwa asikagqibi. Sobe sibhanxwe yimpumelelo esiyifumeneyo. Siwabonile amaqela ebethwa ebholeni. Kubalulekile ukulihlonipha iqela odlala nalo,” utshilo uPitso emva komdlalo eLucas Moripe.

pedro.mapelo@inl.co.za