Iingxaki zoonozinti ziya ziba nzulu kuMaZulu. Emdlalweni wayizolo, uRichard Ofori wenze iimpazamo ezimbini ezibangele AmaZulu angawuphumeleli umdlalo ebekufanele awuphumelele. Usuthu lubambene neKaizer Chiefs ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.
Nakubeni iChiefs eqale afumana igowuli elifakwe nguRamahlwe Mphahlele – kodwa ibhola ibiphunculwe ngunozinti. Ngethamsanqa, AmaZulu akhawuleze abhalisa ebhodini nawo ngebhola efakwe nguTshepang Moremi emzuzwini wamashumi amabini anesithathu. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela entanganye.
Kwisigaba sesibini, uElmo Kambidu ufake igowuli lesibini atsho ahamba phambini AmaZulu emdlalweni. Into ebilindelekile kukuba AmaZulu avale amazibuko kude kuphele umdlalo. Kodwa khange kube njalo, uRichard Ofori uyifake ngokwake ibhola ebisuka kumdlali ofikayo weChiefs.
Umdlalo wayizolo ubhence ngakumbi ingxaki yaMaZulu ezipalini. Nangona ingxaki icacile – kodwa uArthur Zwane umkhusele unozinti wakhe ngelithi iimpazamo yinto yasebholeni. “Ngelishwa ebholeni ekhatywayo ziyenzeka iimpazamo. Njengoko benditshilo ngaphambili, usincedile kwisigaba sokuqala ngoba uvale iibhola ezimbi,” utshilo uZwane emva komdlalo izolo ebusuku.
Akakhathazekanga uZwane kokwenzeke emdlalweni ngoba iqela lakhe alibethwanga yiChiefs abesuka kuyo. “Ngumsebenzi wabaqeqeshi ukumnceda unozinti xa kukho okungahambi kakuhle. Wenze umsebenzi omhle kweminye imidlalo yethu,” uvale ngaloo mazwi uZwane.
Phambi kokuba kusetyenziswe uRichards Ofori, bekukho uVeli Mothwa ovuzayo owade walahlekelwa yindawo yakhe kwiqela lesizwe ngenxa yokwenza iimpazamo. AmaZulu, ahleli kwindawo yesixhenxe, aza kwamkela iMarumo Gallants ngentsimbi yesixhenxe ngoLwesihlanu ebusuku eMoses Mabhida Stadium.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni