UZwane uncede aBafana Bafana ababethe umswahla eFNB Stadium

UThemba Zwane woMzantsi Afrika noMohamed Kamara weSierra Leone emdlalweni wobuhlobo obuseFNB Stadium namhlanje amalanga. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Emva kokubethwa yiFrance neMorocco emidlalweni kwiinyanga ezigqithileyo, namhlanje aBafana Bafana babethele oogqirha nezicala iSierra Leone ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eFNB Stadium. UThemba Zwane, onethuba elide engachongwa, uye waliqhawe loMzantsi Afrika emva kokuba efake amagowuli amabini emdlalweni. UHugo Broos, owenze iinguqu ezininzi phakathi evekini ngenxa yokonzakala kwabadlali, unike ithuba lokudlalela iqela lesizwe okokuqala abadlali abafana noLuke Le Roux, uSphephelo Sithole, uZakhele Lepasa, uMihlali Mayambela noKgaogelo Sekgota.

Bonke aba badlali badlale umdlalo uncomekayo, ingakumbi uZwane nangona aBafana Bafana bebedibene nomswahla weqela lesizwe elingaphaya kwendawo yekhulu kumanqwanqwa weFIFA. Isiqingatha sokuqala siphele uMzantsi Afrika uhamba phambili ngegowuli likaZwane alifumene emizuzwini yokugqibela. Emizuzwini yokuqala kwisigaba sesibini, uMayambela ubhakuzelise umnatha watsho wafumana igowuli lakhe lokuqala kwiqela lesizwe. UZwane ufake igowuli lakhe lesibini emva kokunikelwa kwakhe ibhola entle nguSekgota obedlala kwicala lasekhohlo. UMzantsi Afrika ubethelele isikhonkwane sokugqibela ngebhola efakwe nguAubrey Modiba.

Noxa iqela likaHugo Broos lifumene umdlalo olula namhlanje, okuncomekayo ibe kukubona abadlali abatsha bedlala ngendlela encumisayo. Emva komdlalo, uBroos uwancomile amakhwenkwe wakhe nakubeni ebekhe adinga indawo yokuzilolongela emva kokuba exhaywe eDobsonville Stadium ebekungenziwanga idinga nabaphathi bayo ngendlela elungileyo. “UZwane udlale kakuhle kakhulu kwaye kuyacaca ukuba ngoyena mdlali odingekayo kwiqela lesizwe,” utshilo uBroos obengafuni ukumnika ithuba lokudlalela aBafana Bafana ekhala ngobudala. Emdlalweni olandelayo, uMzantsi Afrika uza kudibana neBotswana kwiveki ezayo ngoLwesibini kwaseFNB Stadium.