UZwane uncwase ukuvuka ngeSundowns emdlalweni oseFNB Stadium!

Kulindeleke ukuba kuqhawuke unobathana ngempelaveki xa kudibana iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo. Amakhosi afuna ukuwuphumelela umdlalo wangempelaveki ngoba asazikhotha amanxeba emva kokutywatyushwa kabuhlungu ngaMaZulu kwiveki ephelileyo eMoses Mabhida Stadium. Ngaphezulu koko, uArthur Zwane nabadlali bakhe abafuni ukuhlazwa yiSundowns eyabacambalalisa ngamagowuli amane eqandeni ePitoli ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Kwelinye icala, iSundowns ayimameli okwenkomo etyiwa sisibawu. Imimoya yabadlali iphezulu enkampini yeSundowns emva kokubetha iSuperSport United ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki.

Mhle kakhulu umsebenzi owenziwa yiSundowns kule sizini, ingakumbi njengokuba iphumelele ishumi elinanye lonke lemidlalo ilandelelana. Amakhosi atsala nzima futhi uxinizelelo luyakhula emagxeni womqeqeshi wawo ngoba okwenzekayo akubayolelanga kwaphela abalandeli. UZwane unomsebenzi onzima wokukhuthaza abadlali bakhe abaza kudibana neqela elikwaziyo ukohlwaya xa lifumana amathuba okufaka amagowuli emidlalweni. Kunyanzelekile ke kodwa ukuba Amakhosi avuthulule aye edabini alwele ukuphumelela ukuze okungenani akwazi ukubuyela kwimidlalo yeCAF Champions League okanye iConfederation Cup xa kuphela isizini. Amakhosi aza kubeka ithemba lawo kubadlali abafana noBonfils-Caleb Bimenyimana, uKeagan Dolly noNkosingiphile Ngcobo odlale kakuhle eThekwini emdlalweni ogqithileyo.

Umsebenzi ejongene nawo iChiefs unzima kakhulu ngoba iSundowns inabadlali abafana noPeter Shalulile, uNeo Maema, uThemba Zwane noCassius Mailula abafaka amagowuli ngendlela emangalisayo. Kulindeleke ukuba idabi elinzima liqale esiswini apho kuza kudibana khona uSamkelo Zwane noYusuf Maart abaza kudibana noTebog Mokwena noThemba Zwane. Kubalulekile ukuphumelela kweChiefs ukuba ifuna ukwenza ngcono kunesizini egqithileyo. UZwane uthe iChiefs iza kudlalela ukuphumelela ngoMgqibelo. “Sijongana nomdlalo omnye ngexesha kwaye siya emdlalweni ngamnye sifuna impumelelo,” utshilo uZwane, othembise abalandeli ngelithi iqela lakhe liza kuza kuziguqula izinto.

Imidlalo yeDStv Prem:

Lwesihlanu: Cape Town City vs TS Galaxy @Cape Town Stadium, 19:30; Sekhukhune United vs Swallows @Peter Mokaba Stadium, 19:30

Mgqibelo: Golden Arrows vs Maritzburg United @Princess Magogo Stadium, 15:30; Royal Am vs Chippa United @Chatworth Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Mamelodi Sundowns @FNB Stadium, 20:00; AmaZulu vs Marumo Gallants @Moses Mabhida Stadium, 20:00

Cawe: Orlando Pirates vs Stellenbosch @Orlando Stadium, 15:30; SuperSport United vs Richards Bay @Lucas Moripe Stadium, 17:30