UZwane usenendawo kwiMamelodi Sundowns

UThemba Zwane ongumdlali weMamelodi Sundowns umfanekiso: Samuel Shivambu/Backpagepix

Omnye wabadlali abaqaqambileyo kwiMamelodi Sundowns, uThemba Zwane, kulindeleke abambe iingxoxo ezintsha nezikhulu zeli qela ngokuvuselelwa kwesivumelwano sengqesho esitsha salo mdlali.

UZwane watyikitya isivumelwano seminyaka emine kwiSundowns emva kokuthathwa kwiVardos ngo’2011.

Ekugalelekeni kwake kwiSundowns, khange achebeleze ngoba bekukho igquba labadlali ababenxanelwe ukufumana ithuba lokudlala.

Kwanyanzeleka ukuba alinde ixesha lakhe – elithe xa lifika lokusetyenziswa nguPitso Mosimane, walithi xhakamfu ngezandla zozibini. UZwane, 27, osele ebizwa nakwiBafana Bafana zange ajonge ngasemva kwakhona. Umdlalo wakhe uya ukhula ngokukhula.

Bekunzima kakhulu kwezi sizini zimbini zidlulileyo ngoba bekusekho uKeagan Dolly obebotshwa phambili nabadlali abafana noKhama Billiat noLeonardo Castro.

Abo ngabadlali etshule ngabo iSundowns kwavakala ukuze iphumelele iqela leendebe kwezi sizini zine zidlulileyo – kodwa uZwane ukwazile ukuthebeleza apho.

Lo mdlali udlale indima ebalulekileyo kwimpumelelo efunyenwe yiDowns kwezi sizini zimbini zidlulileyo, kuquka nembali eyenze xeshikweni iphumelela iCaf Champions League ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo neCaf Super Cup ekuqaleni kwalo nyaka.

Emva kokuba kuhambe uDolly ekuqaleni kwalo nyaka, kuye kwavuleka indawo kaZwane kwiqela athembele ngalo uPitso, kwaye uzibethelele iinzwane.

Ngenxa yomdlalo ophucukileyo awudlalayo lo mdlali nethuba alifumanayo kwiDowns, akukho sizathu sakulaqaza ngoku.

Ukutyikitya eminye iminyaka yenye yezinto engamnceda kwikhono lakhe, ngakumbi njengokuba iDowns izimisele kwimidlalo yeCaf neyePSL.

Kuninzi kakhulu anokunika nanokuzuza ukuba uyahlala aqhube ngendlela enza ngayo ngoku.

pedro.mapelo@inl.co.za