UZwane uthi ayingozi AmaZulu – kodwa iChiefs ifuna ukuphumelela umdlalo

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uArthur Zwane, ethetha neentatheli eGoli. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Phambi kokuqala kwesizini, uArthur Zwane, wamkele owona msebenzi onzima ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika – owokubuyisa isidima seKaizer Chiefs eneminyaka esixhenxe yagqibela ukuphakamisa indebe. Emidlalweni yeDStv Premiership kusenzima ukubona ukuba uyaphambili okanye uya emva ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Ngamanye amaxesha iChiefs iyakwazi ukudlala kakuhle – kodwa ibaphoxe abalandeli bayo ngokuphisa ngemidlalo ngamanye amaxesha. Ukuba uZwane uzimisele ngokuvuselela iChiefs, ukuphumelela indebe yeMTN8 ingayinto enokuyifunqula kwakhona. Xa Amakhosi edibana naMaZulu emdlalweni oseMoses Mabhida Stadium ngomso, abadlali bakhe kufuneka bangene kuhleli lo nto ezingqondweni zabo.

Ngeke ibe yinto elula ukubetha AmaZulu – kodwa Amakhosi anabo abadlali abanamava abanokuyisa emdlalweni wokugqibela weMTN8 kwinyanga ezayo. Ethetha nabeendaba kule veki, uZwane uthe iChiefs kufuneka iye ngamandla wayo onke ukuze iphumelele umdlalo wangomso. Emva kokubethwa yiChippa United kwiveki ephelileyo, Amakhosi aphoxe abalandeli futhi ngokubambana neTS Galaxy ngamagowuli amabini emdlalweni obungoLwesithathu wale veki. Kunyanzelekile afumane igowuli eThekwini, ngaphezulu koko aphumelele nomdlalo ukuze aye phambili kwiMTN8. “Into ebalulekileyo kuthi kukuphumelela umdlalo,” utshilo umqeqeshi weChiefs.

“Akukhathaliseki nokuba igowuli silifumene nini emdlalweni. Ukuze siye emdlalweni wokugqibela, kufuneka siye ngamandla wethu onke emdlalweni,” utshilo uZwane, okwathe AmaZulu ayingozi phantsi kukaRomain Folz ongene endaweni kaBrandon Truter. “Indlela adlala ngayo AmaZulu ngoku yahlukile kuleyo ebedlala ngayo kusekho umqeqeshi ohambileyo. Ngoku asebenzisa abadlali abahlaselayo kakuhle kakhulu. Ndiyibhaqe lo nto. Kufuneka silumke,” utshilo uZwane. Amakhosi aza kudlala ngaphandle kukaCaleb Bimenyimana owonzakeleyo. Ubukho buka-Itumeleng Khune busathandabuzeka emva kokonzakala kwakhe kutshanje. Eliphumeleleyo iqela ngomso liza kudlala ne-Orlando Pirates ebethe iMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathu eqandeni namhlanje ePeter Mokaba Stadium.