Kuzaw’ taka iintlantsi namhlanje emdlalweni weNedbank Cup xa kudibana iMamelodi Sundowns ne’Orlando Pirates emalanga ngentsimbi yesithathu eMbombela Stadium. Emva kokubhiyozela ukuphamisa indebe yeDStv Premiership kwiveki ephelileyo, iSundowns iza kulwela ukufumana indebe yesithathu kwisizini ka2023/24 esongwayo kule veki.
Okuza kunika umdla kukuba amaqela omabini afuna ukuyifumana indebe – kodwa ngaphezulu koko, iSundowns ikhangela indlela yokuziphindezela kwiPirates eyayibetha kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup.
Phakathi kwabadlali eza kuthembela kubo iSundowns kukho uThemba Zwane – umakade enetha engenadyasi. UZwane uthi eyona nto esemqoka ekufuneka ilungiswe liqela lakhe yimpazamo elayenza kwiMTN8 Cup ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo.
“Lo mdlalo usinika ithuba lokulungisa impazamo esayenza emdlalweni wokugqibela weMTN8. Siya emdlalweni sikhuthazekile kakhulu ngoba umdlalo ophakathi kwePirates neSundowns unomtsalane ngoba kudina amaqela anabadlali abasemgangathweni ophezulu,” utshilo uZwane.
Njengokuba iSundowns igqugqisile iminyaka ilandelelana ebholeni yaseMzantsi Afrika, ukwenza imbali yeyona nto ebalulekileyo ngokutsho kukaZwane. Kusavakala kubo bengabadlali emva kokuba iSundowns iguqiswe phantsi yiCape Town City ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela weDStv Premiership.
Nguwo kuphela umdlalo ephulukene nawo iSundowns kwisizini yeDStv Premiership egqithileyo. “Njengokuba sisazi, imbali ibalulekile kwiSundowns. Ukuphumelela zonke iindebe esizidlalelayo kubalulekile kuthi. Sifuna ukuvala isizini ngokuphakamisa indebe,” utshilo uZwane.
Nangona izinto ziyihambele kakuhle iSundowns kwisizini egqithileyo – kodwa umdlalo uza kuba nzima ngoba iza kudibana nePirates efuna ukukhusela indebe yayo eyiphumelele kunyaka ophelileyo. “Siya emdlalweni sizixelele ukuba siza kuzama ukuphumelela.
“Njengomdlali okwinqanaba eliphezulu, kufuneka ndenze indima yam njengomdlali oyinkokeli. Bekukubi ukubethwa kwethu emdlalweni wokugqibela weDStv Premiership – kodwa ke samkela ngoba zizinto ezenzeka ebholeni,” utshilo uZwane phambi komdlalo omkhulu eMpumalanga.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis