Van der Burgh: Ndanelisekile yindlela endiqhuba ngayo

UCameron van der Burgh ukwazile ukudada alenze ixesha lokuzibekela indawo kwimidlalo ye-Olimpiki, kudidi lwe-100m breaststroke. Uyenze okwesithathu le nto uCameron kwiintsuku ezimbini, waphumelela itayitile kazwelonke, kwiNational Swimming Championships, eThekwini.

“Ndiye ndafunda imagazini enamaxesha aphambili okudada apha eAfrika, kwaye ndikwazile ukudada ndigqibe kwixesha elingaphantsi komzuzu amatyeli alishumi elinanye,” utshilo uVan der Burgh.

“Kumnandi ukuqhuba kakuhle ngolu hlobo, kwaye ndonwabile. Ndinethemba lokuba ezinye iindadi zebreastroke eziza kuvela ziza- kusebenza nzima ukwedlula amarekhodi am.”

UVan der Burgh uvule kakuhle eThekwini nalapho adade wagqiba kwimizuzwana eyi’59.98, uphumelele kumagqibela kankqoyi ngokugqiba ukudada kwimizuzwana engaphantsi kunale yokuqala eyi’59.69.

UJarred Crous naye obefuna ukuzibekela indawo kwimidlalo yeOlimpiki khange akwazi ukugqiba kwangexesha. Ugqibe ngasemva kuVan der Burgh.

“Ndiyavuya, kule ndawo ndikuyo, ndiziqeqesha ngokwam, andikafiki ncam, kodwa ke sele ndikufutshane. Loo nto iyacaca xa ujonga isantya endidada ngaso esibaleka kwiipesenti eziyi’80 ukuya ku’90 ekhulwini ndisondele ekubeni ndidade ngesantya esipheleleyo,” utshilo uVan der Burgh.

“Isantya andikabinaso ngokupheleleyo ngoku, kodwa sizakubonakala xa ndiqhubeka nokuziqeqesha, xa ndikhuphisana eYurophu ndiza- kufumana ithuba lokulungisa iimpazamo zam.”