Wafa-Wafa: Ibuyile kwakhona iMTN8

Indebe yeMTN8. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iyebuya kwakhona iMTN8 inochatha. Ngempelaveki, amaqela asibhozo akhokelwa yiMamelodi Sundowns avale isizini yeDStv Premiership ka2021/22 aza kuqala isiqendu esitsha seMTN8. Njengelona khuphiswano oluthandwa kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika, amaqela nabadlali bayamkela ngovuyo imidlalo yeMTN8 Cup ngoba inamaqithiqithi amahle kakhulu. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana indebe nemali ezizigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Kulindeleke ukuba kuqhawuk’ unobathana xa kudibana iCape Town City naMaZulu emdlalweni wokuqala oza kube use-Athlone Stadium ngentsimbi yesithathu. Okuza kunika umdla kakhulu emdlalweni kukuba AmaZulu ayibethe ngo’2-1 iCape Town City emdlalweni weDStv Premiership obukwiveki ephelileyo.

Emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’2-0 ekuqaleni kweveki, iCity ngeke ivume ukubethwa kwindebe ebikhe yayizuza kwiminyaka edlulileyo isephantsi kwesandla sikaBenni McCarthy ongumqeqeshi weefolosi kwiManchester United ngoku. Yona iRoyal AM iza kwamkela i-Orlando Pirates emdlalweni oseChatsworth Stadium ngentsimbi yesithandathu ngoMgqibelo. Emva kokubetha iRoyal AM ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership, iPirates iza kuya Chatsworth izithembile kwaakhona. Nakubeni iRoyal AM iqale isizini kakuhle – kodwa ukugqwidiza kwayo emidlalweni egqithileyo kunokwenzeka ukuba kukuqala kokuphasalaka kwento eyakhiwa nguDan Malesela noKhabo Zondo abaqeqesha ngokubambisana.

Umdlalo ojongwe ngamehlo abomvu uphakathi kweStellenbosch neChiefs ngentsimbi yesithathu eDanie Craven Stadium ngeCawe. Asihleki iStellies xa sidlalela ekhaya. Yona iChiefs edikidiki idibana naso (iStellies) ngexesha elibi ibethwe yiCape Town City. Umqeqeshi weChiefs, uArthur Zwane, usenethemba noxa iqela lakhe libethwe okwesithathu kule sizini. “Umdlali wethu awukadibani ngoba uthi xa ulungisa le, kuthi gqi enye ingxaki. Kodwa ukubethwa kwethu asinto exhomisa amehlo. Sisenalo ithuba lokulungisa izinto,” utshilo uZwane emva komdlalo eKapa. Iintshatsheli ezikhuselayo, iSundowns, ziza kudibana neSuperSport United kwidabi lobukhaya eTuks Stadium emalanga ngeCawe. Asasokola Amatsatsantsa kule sizini, kanti nayo iDowns ikhe yakhubeka – kodwa iza kuya ngamandla ngoba ifuna ukukhusela indebe yayo.