Wafa-Wafa: Ingena kuvuthondaba imidlalo yeMTN8 Cup!

UNomsa Mazibuko ngumphathi wezonxibelelwano kwaMTN. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amaqela amane abuyela emabaleni ngokohlukana kweendawo akuzo – apho aza kuvana amandla kukhuphiswano lweMTN8 elihamba nezigidi ezisibhozo zonke zerandi (R8-million). Iqela eliphumeleleyo lithatha yonke into. Yiyo lo nto kusithiwa iMTN8 Cup yiWafa Wafa! Emva kokukhutshwa kwamaqela amane kwiveki engaphaya kwephelileyo, ngoku kushiyeke amaqela amane. Onke afuna ukuphakamisa indebe ekugqibeleni, afunqule nezikhwama zawo zemali ngezigidi ezisibhozo. Abafana Bes’thende baza kuzama ukubhala amagama wabo kwiincwadi zembali yebhola ngokuthi baphumelele umdlalo xa bedibana neMamelodi Sundowns ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, eSugar Ray Xulu Stadium.

IGolden Arrows idlule kwiSuperSport United ngo’4-3 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele ngo’2-2 kutshanje KwaZulu-Natal. Kanti yona iSundowns ibethe iKaizer Chiefs ngo’2-1 kumapenela emdlalweni owaphela ingu’2-2 eLucas Moripe Stadium. Ukuphumelela indebe yeMTN8 kungayinceda kakhulu iGolden Arrows enganabaxhasi – kodwa nayo iSundowns iyifuna shushu ngoba sekulithuba elide izama ukuyiphumelela ingakwazi. Emva kwemini ngeCawe, iCape Town City yamkela iSwallows FC eyinkathazo kakhulu emdlalweni oza kube use-Athlone Stadium ngentsimbi yesithathu. Omabini amaqela aya phambili kwiMTN8 Cup emva kokuphumelela kakuhle imidlalo egqithileyo.

ICity yabetha AmaZulu ngo’2-1, kanti nayo iSwallows yazibethela i-Orlando Pirates ngo’2-1 emdlalweni wokuqala. Ngaphandle kwamathandabuzo, uEric Tinkler angakuvuyela ukuphakamisa indebe kwakhona kwiCity ebidikidiki kwisizini egqithileyo phambi kokuqeshwa kwakhe kwakhona. Wayiphumelela iMTN8 Cup esengumqeqeshi weSuperSport United eminyakeni edlulileyo emva kokuhamba kwiCity. Yona iSwallows iya emdlalweni ikhuthazekile emva kokubetha iPirates. Ukuphumelela iMTN8 kungaqinisa isidima sayo ebholeni yaseMzantsi Afrika emva kokufumana indawo entle kwiDStv Premiership kwisizini egqithileyo. Imidlalo yesibini iya kudlalwa yona ekupheleni kwenyanga yoMsintsi.