Wafa-Wafa: iPirates neDowns zilwela iMTN8!

UZakhele Lepasa we’Orlando Pirates noThapelo Morena weMamelodi Sundowns emdlalweni obuse’Orlando Stadium kutshanje. Umfanekiso: Facebook

Kulindele ukuba kuqhawuke ujingi abantwana bedlala xa kudibana i’Orlando Pirates neMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 Cup oza kuqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo, eMoses Mabhida Stadium. Amatikiti omdlalo athengwe aphela tu kwiveki ephelileyo ngoba kudibana iinkunzi ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika. Okwenza umdlalo ubaluleke kwiPirates kukuba ifuna ikuyikhusela indebe ephunyelelwe nguJose Riveiro kwisizini yakhe yokuqala njengomqeqeshi kwiPremier Soccer League.

Njengokuba iPirates seyikhutshwe kwiCAF Champions League, ngoku kuyanyanzeleka ukuba izame ukuvala lo nto ngendebe engakhuthaza abadlali bazame ukusukela iSundowns eseyihlabele mgama kwiDStv Premiership. Kwelinye icala, iSundowns iya emdlalweni inenjongo yokuphumelela ngoba umqeqeshi wayo, uRulani Mokwena, wathi iqela lakhe liza kuzama ukuphumelela zonke iindebe ezidlalelwa liqela lakhe kule sizini eqhubekayo.

UJosta Dladla, oligqala lebhola ekhatywayo, uthi akalindelanga amagowuli amaninzi emdlalweni ophakathi kwePirates neSundowns ngoba amaqela omabini aqeqeshwa ngabaqeqeshi abakrelekrele. “Akukho magowuli amaninzi esingawalindela. Iqela elisebenzise ithuba kwangoko emdlalweni liza kuphumelela. Akukho qela endingathi liphokele ngoba lo uzayo ngumdlalo wendebe. Iqela elifuna indebe lilo eliza kuphumelela.

“Siyibonile iSundowns yakhe uMokwena igqugqisa eminyakeni edlulileyo – kodwa asikwazi ukungayijongi iPirates eqhube kakuhle kwisizini egqithileyo,” utshilo uDladla emva kwetumente ebiseMthatha kutshanje. Kanti yena uDerrick Spencer, owayedlalela iKaizer Chiefs, uthe iPirates iza kulwela ukubuyisa isidima sayo emva kokuba ibethwe yiSundowns yakhutshwa nakwiChampions League kutshanje. “IPirates iza kulwela ukuziphindezela kwiDowns eyibethe kwiveki ephelileyo. Okunye okuza kuyihlupheza iPirates kukukhutshwa kwayo kwangoko kwiCAF Champions,” utshilo uSpencer.