Eminyakeni emibini eyadlulayo, uManqoba Mngqithi walahlekelwa sisikhundla emva kokubethwa kweMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 yi’Orlando Pirates esecicini lokuyiphumelela okwesithathu. Kulo nyaka, uManqoba uvula isizini ngeMTN8 kwakhona emva kokuthatha indawo eshiywe nguRulani Mokwena oqeqesha iqela laseMorocco ngoku. Emdlalweni weMTN8 ekulindeleke ube shushu, iSundowns iza kudibana nePolokwane City ifuna ukubhukuqa iPirates kwiMTN8.
Eneneni iSundowns liqela elisebenzela ukuphumelela iCAF Champions League ephuncuke seyikufutshane eminyakeni edlulileyo – kodwa iza kufuna ukuzilola kwiMTN8 ehamba nezigidi ezilishumi zernandi. Umdlalo uza kudlalelwa eLucas Moripe Stadium emalanga ngo-15:00 ngeCawe, iSundowns iza kwamkela iPolokwane City ezimisele ukothusa abantu kwiMTN8. Wonke umntu ufuna ukubona ukuba iSundowns iza kudlala umdlalo onjani engekho uRulani okwiWydad Athletic Club.
Njengokuba iSundowns isaziwa ngomdlalo othe chu, uManqoba ufuna ukufaka isantya kancinci. “Ukuba uyawaqaphela amaqela aqeqeshwe ndim, ndiyawuthanda umdlalo obalekayo,” utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli kutshanje. “Ndiyakholwa yila ndlela yokudlala. Abadlali ndiza kubacela babambe unyawo xa sidlala namqela ahlala emva ukuze singaqutyulwa,” utshilo uManqoba oncediswa nguSteve Komphela osuka kwiGolden Arrows noRomain Folz owakhe waqeqesha AmaZulu ngaphambili.
Yena uPhuti Mohafe uthe abadlali bePolokwane baza kukhuthazwa iPolokwane neqela elifana neSundowns. Nangona ibhola inezimanga kodwa iPolokwane iza kusokola kakhulu imelane neSundowns eneziqwayi zabadlali abadala nabatsha. “Ukudibana neSundowns kuza kuba yinkuthazo ebadlalini. Sizimisele ukullwa ngoba sifuna ukothusa abantu kwiMTN8,” utshilo uMohafe owanikwa uxanduva lokuqeqesha emva kokuhamba kukaLehlohonolo Seema kunyaka ophelileyo.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!