Iqela lesizwe lamantombazana adlala umbhoxo, iSpringbok Women, libethe iintaka ezimbini ngelitye elinye kwitumente esongwe ngempelaveki egqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iSpringbok Women sivuthulule iMadagascar sayibeka endaweni yayo ngo’46-17 emdlalweni wokugqibela weRugby Africa Women’s Cup obubanjelwe eStade Makis kwidolophi ekuthiwa yiAntananarivo. Iintokazi zoMzantsi Afrika zibuyele ekhaya zithe qhiwu indebe emva kokutshatshela kwitumente equke izizwe ezidlala umbhoxo kwizwekazi le’Afrika.
Ngaphezulu koko, uMzantsi Afrika uzibekele indawo kwitumente yehlabathi yombhoxo wanantombazana eza kube iseNgilane kunyaka ozayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSpringbok zihamba phambili ngo’27-5 – kodwa oosotheko balwe kwamdaka iisali bafumana amanqaku alishumi elinambini kwisigaba sesibini.
Bekungeke kube lula ukubhukuqa iSpringbok esinabadlali abanamava embhoxweni nakubeni sikhe saxikixwa yiMadagascar. ULusanda Dumke uzibonakalisile ukuba ungumdlali wombhoxo okwinqanaba eliphezulu ngokunceda iSpringbok.
Nangona elele emgceni kabini ngokufanayo noSikholiwe Mdletshe, uJakkie Cilliers naye uAsithandile Ntoyanto – kodwa umsebenzi wakhe ubuthe kratya ebaleni. Umqeqeshi weSpringbok Women, uLouis Koen, uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe emdlalweni wokugqibela.
“Amazwe athathe inxaxheba kwitumente ephunyelelwe nguMzantsi Afrika aquka iMadagascar ebidlalela ekhaya, iKenya neCameroon. “Ndizingomba isifuba ngomsebenzi abawenzileyo namhlanje abadlali ngokufanayo nakweminye imidlalo egqithileyo,” utshilo uKoen emva komdlalo.
“Kunzima ukudlala imidlalo emithathu kwiintsuku ezintathu. Ndiyancoma ngoba sidlale kakuhle kakhulu. Mandiyincome neMadagascar engakhange inikezele ebaleni ebeligcwele abantu. Sitsho safunda nendlela efanelekileyo yokuxhasa umbhoxo wamanenekazi.
“Abadlali bethu abaqhele ukudlala bebengekho kule tumente – kodwa ndifuna ukuncoma abadlali abathathe iindawo zabo. Siya eNgilane kunyaka ozayo,” utshilo uKoen. Yena uKapteni, uNolusindiso Booi, waleke umsundulo ngelithi ukuya kweSpringbok kwitumente yehlabathi yinto enkulu eyenziwe ngobambiswano.
Ishishini leemoto eMpuma Koloni liza kuxhamla kutyalo-mali lweR200-million