Watshutshiswa uRassie Erasmus ngenxa yokunyusela uSiya Kolisi

URassie Erasmus ngumlawuli oyintloko weSA Rugby. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Embhoxweni waseMzantsi Afrika, akekho umntu onesibindi nowenze iinguqu ezibonakayo njengoRassie Erasmus kwiqela lesizwe. Nangona iinguqu azenzileyo zikwazile ukufumana inkxaso kubantu abamnyama nabamhlophe – kodwa yenzeka nzima lo nto ngoba uqale wotha amalahle abomvu. URassie Erasmus, ongumlawuli kwiSA Rugby, uxelele iphephandaba laseNgilane ukuba walahlekelwa ngabahlobo mhla wathatha isigqibo sokwenza uSiya Kolisi inkokeli yeqela lesizwe lombhoxo laseMzantsi Afrika. UKolisi ube nguKapteni wokuqala ongumntu omnyama weSpringbok. Wachongwa kwinyanga kaCanzibe ngo-2018, phambi kwetumente yehlabathi yombhoxo ebiseJapan ngo-2019 – apho uMzantsi Afrika wabuya uziintshatsheli emva kokoyisa amaNgesi emdlalweni wokugqibela eYokohama.

“Ndaphulukana nabahlobo mhla ndabeka uSiya njengoKapteni. Kwabakho ukujongwa kakubi emva kweso sigqibo. Abahlobo bentombi yam babesithi kuyo isigqibo sam sinefuthe lepolitiki kwaye ukwenza uSiya uKapteni yaba ngumsebenzi onzima,” utshilo uErasmus. Nangona uSiya edlale indima ebonakalayo kwitumente ephunyelelwe nguMzantsi Afrika eminyakeni edlulileyo – kodwa kusekho abantu abangekamkeli ukuba iSpringbok sikhokelwa ngumntu omnyama. Phambi kokuzuzwa kwenkululeko nguMzantsi Afrika ngo’94, umbhoxo wawubangwa ngabantu abamhlophe. Bona abantu abamnyama babechwethelwa ecaleni.

URassie, obekhe wazenza usiputsu wamanzi emidlalweni, uzibonele uSiya engafumani imbeko emfaneleyo kunyaka ophelileyo ngethuba uMzantsi Afrika udlala neBritish & Irish Lions. Ngoba imbali nemeko yentlalo uyayazi, uRassie ukwazile ukubambelela entweni yakhe. USiya Kolisi ngomnye wabadlali abaphambili embhoxweni wehlabathi. Uzibonakalise kakhulu ngethuba iSpringbok sidlala namaqela afana neNew Zealand, iAustralia namanye waseYurophu ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo. Nakwiqela lakhe aye kulo kunyaka ophelileyo, iCell C Sharks, ufike wenza ezibukwayo. Kunyaka ophelileyo, uRassie ugwetywe yiWorld Rugby ngenxa yokugxeka umsebenzi kasompempe wase-Australia kushicilelo olwathutyeleziswa kumakhasi onxibelelwano.