Iqela lombhoxo laKwaZulu-Natal, iSharks, lenze imbali embhoxweni ngethuba liphumelela iEPCR Challenge Cup ngoLwesihlanu ogqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iSharks iquthise iGloucester ngo’36-22 emdlalweni wokugqibela wayo iEPCP Challenge Cup obubanjelwe eTottenharm Hotspur Stadium, eNgilane.
Oorhasatsha babadlali afana noPhepsi Buthelezi, Aphelele Fassi noMakazole Mapimpi balele emgceni – kodwa umsebenzi wabo wenziwe mhle kakhulu nguSiya Masuku oqabelise iipenela ngendlela encomekayo emdlalweni ongasoze ulityalwe eYurophu.
Iincwadi zembali yombhoxo zibhaliwe ngoku ukuba iSharks liqela lokuqala eMzantsi Afrika eliphumelele iEPCR Cup emva kokugqugqisa eYurophu. UKapteni weqela, uEben Etzebeth, uqhayise kumajelo eendaba ukuba okwenziwe yiSharks yeyona nto inkulu eyenzekileyo ebomini bakhe kumaqela embhoxo awadlaleleyo.
Kwelinye icala, naye umqeqeshi weqela, uJohn Plumtree, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ngokwenza umsebenzi ngendlela ebekucwangciswe ngayo phambi kokungena ebaleni eNgilane.
“Into enike abadlali inkuthazo yokuphumelela kukunxanelwa ukuphakamisa indebe. Ukudlala kwethu ngendlela esidlale ngayo kuyancomeka kakhulu emva kwemeko ebelikuyo iqela kwiinyanga ezintlanu ezigqithileyo.
“Intshisakalo yokuphumelela ebadlalini yeyona esinike indebe kwisizini esingaqhubanga kakuhle kuyo konke konke,” utshilo uEtzebeth. Iqela laKwaZulu-Natal lizibekele indawo kwiChallenge Cup naChampionship Cup ngokuphumelela kwalo indebe ngoLwesihlanu ogqithileyo. Impumelelo yeSharks ichazwe njengento ekhethekileyo nguEtzebeth.
Okuncede iqela laseMzantsi Afrika ukuze liphumelele indebe ngokucacileyo ngamava wabadlali beSpringboks abaphumelele indebe yehlabathi abafana uMapimpi, uLukhanyo Am naye uEtzebeth. “Le impumelelo ikhethekile. Abadlali badlale ngendlela encomekayo kakhulu ebaleni.
“Kwinqanaba lamaqela ombhoxo, ukuphumelela indebe eYurophu nokuba liqela lokuqala eMzantsi Afrika zizinto ezinkulu kakhulu kum,” utshilo uEben. Umqeqeshi waleke umsundulo ngelithi bayicishiyelele iGloucester ngoba bebewazi amandla wayo. Emdlalweni wokusonga isizini, iSharks iza kudibana neVodacom Bulls.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis