Wenze amazwi okugqibela uMayambela

Njengokuba ivuliwe kwakhona kule nyanga inyoba yokuthenga abadlali kwihlabathi jikelele, nawalapha amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League aqhubela phambili nokuthenga abadlali.

ISuperSport United ekhulule umdlali wasemva obekade edlala phesheya kolwandle, uBongani Khumalo, ityikitye umdlali siswini weChippa United, uMark Mayambela. Amatsatsantsa A Pitori abenomdla kulo mdlali phambi kokuphela konyaka ka’2015. kwangoko kulo nyaka abalawuli bala maqela angene kwiingxoxo ngokuthengiselana ngalo mdlali.

ISuperSport ibilungiselela isizini ezayo, kodwa iChippa kuba inesivumelwano sonyaka omnye noMayambela iye yanobukrelekrele, yamthengisa kwangoku ukuze ifumane imali ngaye. Lo mdlali wathathwa yiChippa edlala ngapha kwaNational First Division emva kokungahanjelwa kakuhle zizinto phesheya kolwandle.

Lo mdlali siswini owayedlalela i-Orlando Pirates ngaphambili kulindeleke ukuba aqale ukusebenza ePitoli kule veki, futhi ushiye umyalezo wombulelo kwikhasi lakhe lonxibelelwano. “Ndibulela ngokungazenzisiyo kwiChippa. Ixesha lam libelifutshane, kodwa ndifuna ukwenza umbulelo kubo bonke abantu abandinike ithuba nenkxaso. Khange ibesisigqibo esilula esi.

Kuye kwanyanzeleka ukuba ndiqwalasele ikamva lam neemfuno zosapho lwam. Ndinqwenelela iChippa okuhle kodwa, ndiyathemba ukuba iyakuvala isizini isendaweni entle. Kwelinye icala iGolden Arrows ityikitye umdlali wasemva uGiulio Guiricich kwiveki ephelileyo.

UGuiricich udlalele iMoroka Swallows eyathotyiselwa kwinqanaba elisezantsi kwisizini ephelileyo.