Wenze iinguqu ezimbini uDa Gama

Ukaputeni weSA Under-23, uKeagan Dolly, uzakukhokela iqela lakhe kumdlalo walo wesibini kwi-Olimpiki xa lidlala neDenmark. Umfanekiso: Kumnatha

Umqeqeshi weSA Under-23, u-Owen Da Gama, wenze utshintsho lwabadlali ababini. UMzantsi Afrika uzakunyathelana neDenmark ezinzulwini zobusuku okanye ekuseni ngomso [ngokwexesha loMzantsi Afrika] kumdlalo wesibini we-Olimpiki esingathwe sisixeko esikhulu, iRio de Janeiro, eBrazil. UKwanda Mngonyama ungene endaweni kaMothobi Mvala ofumene ikhadi elibomvu kumdlalo odlulileyo obuphakathi kweMzantsi neBrazil ngoLwesine ebusuku. Indawo kaMenzi Masuku ithathwe nguTebogo Moerane.

Amakhenkwe kaDa Gama aya kulo mdlalo wesibini kwi-Olimpiki ukuzithemba kuphezulu emva kokudlala umdlalo ophucukileyo ngethuba edlala neBrazil kumdlalo wokuqala. Umdlalo obuphakathi kweDenmark ne-Iran uphele ngo’0-0. Ukuba uMzantsi Afrika ungafumana amanqaku amathathu kulo umdlalo – lo nto iyakuthi yandise amathuba wokudlulela kumjikelo olandelayo.

South Africa: Itumeleng Khune, Abbubaker Mobara, Erick Mathoho, Rivaldo Coetzee, Tebogo Moerane, Kwanda Mngonyama, Keagan Dolly, Gift Motupa, Maphosa Modiba, Deolin Mekoa, Lebogang Mothiba.