Wenze iinguqu umqeqeshi weeBoks

usekela mqeqeshi weSpringboks uMzwandile Stick uyibethelele into yokuba abadlali kufuneka bazimisele nangakumbi kwaye bakhululeke ebaleni ukuze eliqela liphumelele kumdlalo wangomso ne-Ireland.

Kwiveki ephelileyo enye yezinto ezibangele ukubethwa kweeBoks yindlela ebezinyanzelisa ngayo ukudlala ibhola nakwiindawo ezivaliweyo. Abanye abadlali bebengafuni ukunikeza ngebhola ijikeleze ibala lonke.

Nje ngomdlali osele esuka kwiiSevens, waphinda wayiKapteni yeSpringboks, uStick ukholelwa ukuba iSpringboks sidinga ukudlala gadalala ingakumbi kwiskram ukuze sibe nolwamvila kwi-Ireland. Omnye wabadlali ilizwe elizakube lijonge kuye, kwaye neeBoks eziza kuxhomekeka kuye ngu-Elton Jantjies. Uzibonakalisile kwiSuper Rugby ukuba ukhulile nje ngomdlali, ingakumbi indlela akhaba ngayo. UStick ukholelwa kwinto yokuba, iSpringboks sidinga indlela ethile yokulawula umdlalo. Enye into ezakwenza umdlalo ngalo mdlalo nenkuthazo kwiBoks bubukho bukaMorne Steyn, ozakulalela endaweni kaPat Lambie owenzakeleyo.

Nje ngokuba bekulindelekile, umqeqeshi weeBoks * -Allister Coetzee ukhethe ukuqalisa uJantjies kwindawo yeshumi, ukulungiselela umdlalo wangomso. Enye into ebethe uzakuyenza kukuqalisa abadlali abaqalileyo nakwiveki ephelileyo, khange aphoxe mntu kuba wenze nje ngesithembiso sakhe. “Nditshilo ukuba asizo kubonakalisa mothuko, kwaye isigqibo sokuba sisebenzise abadlali abanye sinethemba lokunika abadlali ithuba lokuba bazibonakalise,” utshilo uCoetzee.

Naba abadlali abazakudlala kumdlalo wangomso:

15 Willie le Roux, 14 JP Pietersen, 13 Lionel Mapoe, 12 Damian de Allende, 11 Lwazi Mvovo, 10 Elton Jantjies, 9 Faf de Klerk, 8 Duane Vermeulen, 7 Siya Kolisi, 6 Francois Louw, 5 Pieter-Steph du Toit, 4 Eben Etzebeth, 3 Frans Malherbe, 2 Adriaan Strauss (captain), 1 Tendai Mtawarira.

Amalalela:16 Bongi Mbonambi, 17 Trevor Nyakane, 18 Julian Redelinghuys, 19 Franco Mostert, 20 Warren Whiteley, 21 Rudy Paige, 22 Morne Steyn, 23 Ruan Combrinck.