Wenze iinguqu uRassie Erasmus phambi komdlalo wokugqibela

UJaden Hendrikse emdlalweni wovavanyo eScotland. Umfanekiso: Springboks

UMzantsi Afrika ugxeleshe ukuvala utyelelo eYurophu ngokuphumelela kwakhona ngempelaveki. Kufuneka uye emdlalweni uqule waligangatha xa udibana neWales emdlalweni wovavanyo oza kube usePrincipality Stadium, eCardiff, ngo19:40 ngoMgqibelo.

Ngethamsanqa, Amabhokobhoko adibana neWales ekhuthazekile emva kokuguqisa phantsi amaNgesi ngo’29-20 emdlalweni obuseTwickenham kwimpelaveki egqithileyo. URassie Erasmus sele ewabhengezile amagama abadlali aza kuya ngabo edabini elinzima ngempelaveki.

Wenze iinguqu umqeqeshi – kodwa abadlali abaliqela abaqhele ukudlala ubagcinile. Phakathi kwabaza kuqala umdlalo kukho uJaden Hendrikse noJordan Hendrikse abazalanayo. Abanye abadlali abaza kuqala umdlalo nguJohan Grobbelaar oyihuka, uThomas du Toit, uJean Kleyn noFranco Mostert.

Umqeqeshi uthe kunyanzelekile iqela lakhe lizame ukuphumelela umdlalo wokugqibela. “Lo ngumdlalo wethu wokugqibela kule sizini. Sizimisele ukuvala unyaka kakuhle,” utshilo uRassie. “Siqonde ukuba masixube abadlali abasakhulayo nabadala ngoba sizama ukuqinisa indlela esidlala ngayo.

“Abadlali abafana noJordan noCameron baza kuqala umdlalo ukuze basibonise into abaqhele ukuyenza ejimini. UJordan ukhe wadlala neWales futhi sayayonwabela indlela umdlalo wakhe odibana ngayo nokaJaden. Nobukho bukaCameron buyasivuyisa emva kokudlala kakuhle kwiVodacom Bulls,” utshilo umqeqeshi.

Abadlali abaphunyuziweyo baquka uRG Snyman, Eben Etzebeth noHandre Pollard. Amabhokobhoko aya emdlalweni ebazi ubunzima ajongene nabo kwiWales eza kudlalela ukuzophula phambi kwabalandeli bayo. “Lilizwe eliqhenyayo iWlaes futhi linomqeqeshi owaziwayo. Ngeke ivume iWales ukubethwa ngoba ifuna ukuvala isizini kakuhle.

“Singavuya ukuvala isizini singabethwanga – kodwa siyazi ukuba liqela elisisokolisileyo eminyakeni egqithileyo. Lo nto iza kusinyanzela ukuba siyinike imbeko iWales ngokufanayo neNgilane neScotland. Kufuneka sizimisele kakhulu ukuze sifuname iziphumo ezincumisayo,” utshilo uRassie.