UChad le Clos – indadi ephum’izandla kwihlabathi jikelele – ubhale iincwadi zembali ngokutsha kwakhona ngethuba ephumelela iGolide yesibini kwiWorld Championship.
Uqwabaze ixesha elalenziwe kwanguye eyili-48.44 eDoha ngo’2014 ngokudada imizuzwana eyi-48.08 kulo nyaka kwi-100m butterfly.
Njengokuba uLe Clos engazange alifumane ithuba lokudada umgama oyi-200m kwi-Olimpiki, eRio de Janeiro, kulo nyaka, wongeze iGolide yesibini ngokukhawuleza kuleyo ayifumene ngoLwesibini edlulileyo eCanada.
Emva kwakhe kulandele uTom Shileds (Silivere) waseMelika ngexesha eliyi-49.04 noDavid Morgan wase-Australia ofumene iBronze emva kokwenza ixesha eliyi-49.31.
Emabhinqeni iGolide ithathwe yintokazi yaseHungary egama linguKatinka Hosszu, ebuye neembasa ezintathu eRio de Janeiro, kwi-200m.
Enye intokazi eqhube kakuhle nguDaryna Zevina wase-Ukraine elandelwa ngu-Emily Seebohm wase-Australia.
Inzwakazi eyintshatsheli kwi-800m, uMireia Belmonte waseSpain, khange ithathe inxaxheba emva kokungaqhubi kakuhle kwi-400m ngoLwesibini odlulileyo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike