Incutshe yomdlali wentenetya waseSwitzerland, uRoger Feder , iphumelele itumente yeAustralian Open. UFederer ubethe uMarin Cilic waseCroatia ngo’6-2, 6-7, 6-3, 3-6 no’6-1 kumdlalo obunzima kakhulu othathe into engaphezu kweyure ezintathu eMelborne, e-Australia. Uzamile ukuzilwela uCilic obefuna ukuphumelela i-Australian Open okokuqala – kodwa amava kaFederer, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, abengumahluko emdlalweni.
Le mpumelelo ithethe ukuthi uFederer yindoda yokuqala ezimbalini ephumelele iGrand Slam ezingamashumi amabini. UFederer umncome
kakhulu unkosikazi wakhe uMirka ngokumkhuthaza. “Uyandikhuthaza kakhulu unkosikazi
wam. Yinkxaso yakhe ebangela ukuba ndiqhubele phambili nokudlala nangona sendimdala,”
utshilo uFederer.
UCilic umqhwabele izandla uFederer emva komdlalo. “Kuninzi
endikufundileyo kuye, ungumdlali onobulumko,” utshilo uCilic owayesakuba
yintshatsheli ye-US Open. UFederer
yindoda yesithathu ethe yaphumelela le tumente izihlandlo ezithandathu emva
koNovak Djokovic waseSerbia noRoy Emerson wase-Australia.
Kumanenekazi, uCaroline Wozniacki waseDenmark, uphumelele
okokuqala emva kokubetha uSimon Halep waseRomania ngo’7-6, 3-6, no’6-4. Impumelelo
kaWozniacki, obehleli kwindawo yesibini kwi-ATP Rankings, imbeke kwindawo
yokuqala, ethatha ekaHalep okwindawo yesibini ngoku.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile