Umanejala weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, weziwa kakhulu ngokuba ngungqondongqondo kwicala lokufumana abadlali abasemgangathweni ophezulu ngaphandle kokuhlawula imali. Kodwa isikhulu seBidvest Wits, uJose Ferreira, uthi liqela lakhe elibalaseleyo kwicala lokufumana abadlali abasimahla.
UFerreira, obenengxoxo ekhethekileyo neSolezwe, uthe akukho nyaniso kwiingxelo ezithi uBobby nguphopho kwicala lokufumana abadlali ngaphandle kokulahlekelwa yimali. “Apha kwiWits sikwishishini lokufumana abadlali singakhuphanga mali.
Oonondaba bagxeka uBobby ngamaxesha onke ngokutyikitya abadlali simahla kodwa ayinguye oyena mntu ohamba phambili kulo mba. Sithi oongqondongqondo bokutyikitya abadlali simahla futhi sineqhayiya ngalo nto.
Asinaxesha lamntu osigxekayo ngalo nto. Asinayo imali yokuthenga abadlali abasemgangathweni ophezulu, lo nto iyasinyanzela sibalinde abadlali bakhululeke emaqeleni wabo. Iyasikhathaza lo nto kodwa kwelinye icala isenza krelekrele lo nto kwimiba eyoyamene nezivumelwano zabadlali esibafunayo,” uFerreira.
Eli qela laseGoli lityikitye uGabadinho Mhango kutshanje. Lo mdlali ukhululeka kwisivumelwano sakhe neBloemfontein Celtic kwinyanga yeSilimela – kodwa okwanguku uDdlalela iGolden Arrows. Omnye umdlali othathwe yiWits nguSifiso Hlanti. “Ngeke simelane neMamelodi Sundowns. Yiyo lo nto kufaneluba sinyathelele phezulu kwicala labadlali abaphelelwa zizivumelwano kumaqela wabo.
Bendijonge iSundowns idlala ne-Arrows ngenye imini. KwiDowns bekungekho nomnye abamfume simahla, bonke bathengiwe. Kwiqela lethu elidlale naMaTuks – babini kuphela esabakhuphela imali. Nangethuba ndikwiSundowns ndafumana abadlali abafana noBrian baloyi, Jabulani Mendu ngaphandle kwemali,” utshilo uFerreira.
IPirates isekhondweni lokukhusela iNedbank Cup kwakhona