Wohluthwe intlaka emlonyeni uMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika uphise ngomdlalo kwiBurkina Faso ngemizuzu yokugqibela kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi namhlanje ebusuku. Umdlalo uphele la mazwe mabini ebambene ngo’1-1 kwibala ebelizele lime ngeembambo ngabalandeli bebhola ekhatywayo belizwe laseBurkina Faso. Lo nto iyisebenzele iBurkina Faso ebekumele iphumelele ngamagowuli aliqela ukuba ibiwasebenzise kakuhle amathuba ewafumeneyo kwizigaba zozibini zalo mdlalo.

Isigaba sokuqala siphele iyinkwa nenkwa. Umdlalo utake iintlantsi zisuka – kwaye kubonakala ukuba iqela ebelidlalela ekhaya lizimisele ukufumana igowuli kuqala. Ikwayiyo iBurkina Faso elawule umdlalo futhi ihlasela macala onke.

UMpho Makola uphantse wenza umonakalo ngomzuzu wesithathu umdlalo uqalile – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni.

Kwangoko iBurkina Faso ihlasele isityawu-tyawu sento yade yafumana ipenela ngomzuzu wesibhozo umdlalo uqalile emva kwebhola ebanjwe ngu-Eric Mathoho – kodwa ngaphandle komhlaba kanozinti.

Uyivalile lo penela u-Itumeleng Khune – waba uyasinda uMzantsi Afrika. Baphinde bazama abadlali boMzantsi Afrika – kodwa ibhola yabo ibanjwe ngunozinti.

UThulani Serero noKeagan Dolly bashukumisile; ingxaki kwiibhola abazizamileyo kukuba beziphelela esithubeni. Kwisiqingatha sokuqala, iBurkina Faso, ngeyifumene amagowuli amane ukuba uKhune ebengakwazanga ukuzivala iibhola zayo.

UMzantsi Afrika ubuphantsi koxinizelelo phantse sonke isigaba sokuqala.

Usivule kakuhle isiqingatha sesibini ngokuhlasela. Uphantse wangcangcazelisa umnatha u-Eleazer Rodgers ngethuba efumana ithuba phambi kweepali.

Nayo iBurkina Faso izamile ukuqhekeza abadlali boMzantsi Afrika phaya emva – kodwa yafika bebambene. UDean Furman ifake igowuli lokuqala lomdlalo ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesithoba. Iphendule nayo iBurkina Faso emva kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni kanozinti.