Wonelisekile ziziphumo uMuhsin Ertugral

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, evuyela impumelelo yeqela lakhe izolo. Umfanekiso: Backpage Pics

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, uyamkele impumelelo yeqela lakhe – kodwa uyavuma ukuba kusekho umsebenz omninzi.

AmaBhakaniya avuthulule iGolden Arrows ngo’3-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League wokuqala obushushu ngeyona ndlela e-Orlando Stadium izolo.

Amagowuli amathathu ancede iBucs kulo mdlalo onke afakwe nguTendai Ndoro.

Le mpumelelo iyithathe iPirates yayibeka phezulu kwiPSL emva kwemidlalo yokuqala kule sizini intsha evulwe ngokusesikweni ngoLwesibini.

U-Ertugral uvuye kakhulu emva kwalo mdlalo – kodwa watsho ukuba kufuneka babenomonde ngoba kusekho izinto ezingekahlangani kakuhle kuba isizini isaqala.

“Into ebibalulekile kuthi kukufumana amanqaku amathathu – kodwa ndibonile ukuba sisenomsebenzi omkhulu ekufuneka siwenzile. Kumnandi kakhulu ukusebenza neli qela labadlali esinabo apha. Eli lelinye lamaqela aphambili endiwaqeqeshileyo ebomini bam. Bakhona abadlali abadlale umdlalo ophucukileyo kakhulu. Iqela liyayondelelana ngoku kakuhle – kodwa kusekhona iindawo ezifuna uqhoshwa,” utshilo u-Ertugral.

Kule mpelaveki iPirates idibana neBidvest Wits kumdlalo weMTN 8. Nangona iBhakaniya lisiya kulo mdlalo emva kwempumele entle – kodwa kulindeleke ukuba kudlan’iintsimbi ngoba nayo iWits inyathelela phezulu emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’2-1 kumdlalo wePSL eBidvest Stadium ngoLwesibini odlulileyo.

Kweminye imidlalo yePSL; iPlatinum Stars ibethele iSuperSport United ngo’1-0, kanti yona iMaritzburg United izibethele iBloemfontein Celtic ngo’1-0.