Wonwabile umqeqeshi waBafana Bafana emva komdlalo wayizolo

UThemba Zwane woMzantsi Afrika noFranck Kessie we-Ivory Coast emdlalweni obuseFelix Houphouet Boigny Stadium izilo. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, uvakalise ulonwabo olukhulu emva komdlalo wayizolo. ABafana Bafana babambene ngegowuli elinye ne-Ivory Coast emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eFelix Houphouet Boigny Stadium, eAbidjan, izolo ebusuku. UBroos wenze iinguqu eziliqela kwiqela ebelidlale kwiveki ephelileyo. Khange bamphoxe aBafana bakhe phambi kwezihlwele zabantu eBoigny Stadium ephakathi kwamabala aza kusingatha imidlalo yeAfrica Cup of Nations ekuqaleni konyaka ozayo.

UThemba Zwane ufake igowuli loMzantsi Afrika emzuzwini wesibhozo kwisigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla uhamba phambi ngoba uMzantsi Afrika ubudlala umdlalo omhle kakhulu macala onke. Kuye kwanyanzeleka ilinde kude kufike isigaba sesibini i-Ivory Coast ukuze ifumane igowuli layo lokulinganisa elifakwe nguSebastien Haller. Umqeqeshi untingele elizweni eliseMntla weAfrika esisifu ngumsindo emva kokuba aBafana Bafana boyiswe kukubetha iSwatini emdlalweni obuseFNB Stadium ngoLwesihlanu ogqithileyo.

“Nangona bendinomsindo ngoLwesihlanu, namhlanje ndonwabe kakhulu futhi ndonelisekile yindlela abadlale ngayo aBafana,” utshilo uBroos emva komdlalo izolo. Noxa ibidlalela ekhaya i-Ivory Coast – kodwa inikwe umdlalo osemgangathweni ophezulu kakhulu nguMzantsi Afrika. “Udlale kakuhle kakuhle kakhulu uMzantsi Afrika. Bekukho ukuzithemba ebaleni futhi nebhola ibidlalwa kakuhle. “Lo nto ibonakele kubadlali basemva naxa kuhlaselwa kusiyiwa phambili. Siyifake engxakini i-Ivory Coast futhi ibe nelaka ngoba ngesiyibethe ngamagowuli amabini,” utshilo umqeqeshi.

Phambi kokudlala phambi kwabantu abangaphezulu kwamashumi amabini amawaka eBoigny Stadium, aBafana Bafana badlale eFNB Stadium ebinabantu abangafikanga nasemakhulwini amabini. “Phambi komdlalo sithethile ngabantu abagcwele ebaleni abaxhasa i-Ivory Coast. Ndithe kubo mabazame ukufumana iziphumo ezihle – kodwa baqale ngokudlala ibhola entle. Ndinethemba lokuba xa sidlala neBenin kwinyanga ezayo, abantu baza kuya ebaleni bayokusixhasa,” utshilo uBroos. UMzantsi Afrika ulungiselela imidlalo ehlakulela iNdebe yeHlabathi neAfcon esekuqaleni konyaka ozayo.