Xibilili izibilini kuTebogo emva kokubetha iCape Town City

Abadlali beChippa United bekhuphisana ngokufumana ibhola kumdlalo wePSL obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Siyanda Zakhe/I'solezwe lesiXhosa

IiChilli
Boys zizuze impumelelo yazo yesibini kule sizini emva kokubetha iCape Town City
ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eSisa Dukashe
Stadium ngale njikalanga. Amagowuli weChippa afakwe ngu-Abel Mabaso noKatlego
Mashego kwisigaba sesibini somdlalo obushushu ngendlela emangalisayo kwibala
ebeligcwele ngabalandeli bebhola ekhatywayo. IChippa United ize emdlalweni
wanamhlanje iphantsi koxinizelelo emva kokungaphumeleli kwimidlalo emihlanu
yonke phantsi kukaTebogo Moloi okuthe xibilili izibini kuye emva kwale
mpumelelo. Le mpumelelo yothule umthwalo onzima emagxeni kaTebza. Iqela likaBenni
McCarthy liphulukene nomdlalo walo wesithathu ilandelelana ngalo wanamhlanje.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iCape
Town City

inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni. Isiqalo somdlalo besinika umdla
– kodwa kwimizuzu yokuqala khange kubekho qela elifuna ukugqama kuba ebesacweya.
Unozinti weChippa United uye wanyanzeleka ukuba asebenze kumzuzu webhozo emva
kokuba uCraig Martin efumene ibhola entle egotywe kwisandla sasekhohlo – ifike lo
bhola ethe qwa uDaniel Akpeni. Akubanga kudala wathi gqi negowuli elihle uLyle
Lakay emva kokufumana ibhola kuLehlohonolo Majoro kwicala lasekunene. USandile Zuke
ebezityala kakuhle iibhola esiswini – kodwa uSizwe Mdlinzo noMark Mayambela
bebengakwazi abakwazanga ukudlalela uLerato Manzini obedlala yedwa phambili.
UTeko Modisa ebeyinjineli yeCity; zonke iibhola beziphuma kuye eziya
emaphikweni. Umdlalo wona ubumhle macala omabini nakubeni iChippa ibingakwazi
ukugqobhoza kudonga lasemva leCity.

Utsale imbumbulu
yebhola u-Abel Mabaso kumzuzu wamashumi amane anethoba, emshiye ethe natya
phantsi uSage Stephens – oqale umdlalo namhlanje endaweni kaShu-Aib Walters.
Iqale inomfutho iChippa United kwisigaba sesibini; ukuhlasela kwayo kubonise
iinjongo zeqela elizimisele ukwenza izinto ezibonakalayo. UMayambela uhlasele
kwicala lasekunene esebenzisa amendu – kodwa akakwazanga ukuyigqibezela lo
bhola uMenzi Masuku.

Ukungena kukaMenzi
Masuku kwenze umahluko kumdlalo weChippa ngoba itsho yakwazi ukuhlasela
ngendlela ecacileyo ngoMayambela noKurt Lentjies. Kumzuzu wamashumi asixhenxe
ananye uKatlekgo Mashego ubeke igowuli lesibini leChippa kwatsho kwahlatyelwa ingoma
ngabalandeli. Isigaba sesibini besisihle kakhulu – kodwa iqela laseKapa
alikwazanga ukudlala ngendlela ebeliwuqale ngayo umdlalo. Ukubethwa kwayo iCity
kongeza uxinixelelo kuMcCarthy namakhwenkwe wakhe emva kokuphulukana nemidlalo
eliqela.