Zinkuuuu! wakhal’uZoleka,
“Wababaa”kwavakal’isandi isithi “halakasha” emnatheni,
Yabhong’ indod’ enkulu kwadum’
Kwavakal’intswahla kwavakala’isililo,
Kwakhal’isibhaxu,kwakhal’
Yeyani nale ngozi yokuphandlwa lijongile?
Zasala ezikamaGebhula zibambe ongezantsi,
Waqokobh’uGoliyathi eqokobhiswa nguDavide,
Kwathi vuleka mhlaba ndingene.
Yoxuthiwe intlak’emlonyeni,
Ashiyeka amaBhakaniya nomlomo oxwebileyo,
Kwasala intliziyo ezityumkileyo nezityakatyekileyo,
Baxhelelw’ eXhukwana omakhelwane,
Kwasindwa ngobethole koosikhwehle,
Wabhiyoz’ uMzantsi,
Kwabhalwa ebhodini kwathiwa:”Kugqityiwe”,
Aphel’amathemba,yalal’inkom’
Walil’umntwan wathi “imkile”,
Umasindezama akanatyala Mabhakabhaka.
Yafa ibhokhwe isezwa iyeza,
Kwaphel’ithemba kwavel’udano nonxunguphalo,
Kudlaliwe amehlo exhag’umbombo,
Sibukele, sangqina, savuma ngoloyiso,
Zingquzulana kungekho efun’ unikezela,
Zijijisana ingunomji zintanganye,
Ekugqibeleni bekukhona ekufanele igob’uphondo
Wemk’ uMdantsane nodumo,
Ashiyeka AmaBhakaniya ekhangela ibhola kaLorch ebithunyelwe eNiniva yabhek’eTalashishi,
Akulahlwa mbeleko ngakufelwa Mabhakaniya
Vukani nizivuthulule nifunzel’ edabini,
Isende le ndlela.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!