Yamkele abadlali ababini iChippa United

Emva kweentsuku ezimbini livaliwe ithuba lokutyikitya abadlali abatsha, iChippa United yamkele abadlali ababini abatsha. Amagama wabo nguNyiko Mobbie odlala emva noLuvuyo Phewa odlala esiswini. Ingxelo ekutshwe yiChippa United ithe bobabini abadlali basuka kwiMamelodi Sundowns ngemboleko kwaye sebeqalile ukuziqeqesha nabanye abadlali enkampini eBhayi.

Phambi kokuqala kwesizini, iChippa United ikhulule abadlali abalishumi elinesihlanu. Bakhona abadlali ebafumeneyo abaliqela yaphinda yanyusela abadlali bayo ababebedlala kwiMultiChoice Diski Challenge. “UNyiko noLuvuyo ndibankela ngovuyo ngoba ndiyazi ukuba baza kulincedisa iqela. Ngabadlali abasakhulayo abaza kulungelanga ngqo nendlela esidlala ngayo kwiqela lethu,” utshilo umqeqeshi, uMnu. Lehlohonolo Seema.

Kwiveki ephelileyo, abalandeli beChippa United bothuswe ziindaba ezijikeleze kumakhasi onxibelelwano ezithi uVeli Mothwa uye wathengiselwa AmaZulu. Khange ikhuphe lizwi iChippa ngaloo mba. Ngethuba kusavalwe isizini, bekukho iingxelo ezithe uVeli Mothwa ngomnye woonozinti ebefunwa lelinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika. Ukuhamba kwakhe kwakushiya isithuba esikhulu ngoba ebenguye noKapteni.

“IChippa United imnqwenelela okuhle uVeli Mothwa otyikitywe ngaMaZulu emva kokuchitha iminyaka emithandathu kweli qela,” itshilo iChippa kwingxelo ekhutshwe kwikhasi lomnxibelelwani, uFacebook namhlanje. Iqela likaSeema lilungiselela umdlalo weDStv Premiership eza kudibana kuwo neBaroka emalanga ngeCawa. Kwiveki ephelileyo, iChippa ibambene neTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni obuseBhayi.